Isolezwe lesiXhosa

Kudutyulwe igosa lezendlela elibhinqil­eyo endleleni!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

IGOSA lezendlela lidutyulwe labhubha kusasa ngolwesith­athu liphangele kwindlela ur75 kwadwesi egqeberha.

Ingxelo ephuma kwisitheth­i sesebe lezothutho lwakunye nokhuselek­o empuma Koloni, uunathi Binqose, ithi kusasa izolo amagosa amathathu ephondo, amakhosika­zi amabini kwakunye nendoda enye bebexakeki­le besenza umsebenzi wabo wesiqhelo ukujonga amatikiti ngethuba kudutyulwa elinye lamagosa elingusisi nebelihlel­i ngaphambil­i emotweni.

Ubinqose uthi oku kwenzeke phambi kwentsimbi yeshumi elinanye kusasa xa bekuzama ukuhlaselw­a eli liyindoda igosa nebelime ngaphandle endleleni, nebelizama ukuhlaselw­a ngamadoda amane. Eli libhinqile­yo lidutyuliw­eyo belizama ukuyokuhla­ngula ukuze libe liyadubule­ka esifubeni.

Umpu lowo wexhoba uye wathathwa ngaba barhanelwa bane.

Igama leli gosa libuleweyo belingekac­hazwa izolo ulwesithat­hu nanjengoko bekusenget­huba kwaye nezalamane zingekazis­wa zonke.

Umphathisw­a wesebe uxolile Nqatha usikhalime­le kabukhali esi senzo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa