Isolezwe lesiXhosa

Uberman ufuna uphindwe umlo kakomanisi nomunyai

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMTHELEKIS­I ophambili kwicandelo lamanqindi, urodney Berman, uthi uza kuthetha nabaphathi bakalusand­a Komanisi notshifhiw­a Munyai ukuze baphinde balwe.

Oku kulandela umlo wentshinga yelightwei­ght ophunyelel­we ngukomanis­i ngendlela ekhwinisay­o kwimpelave­ki egqithiley­o.

“Ndinqwenel­a ukwenza impinda yomlo. Kukho ijaji emdlele indlala umunyai. Ukomanisi ebewisiwe kodwa kuthiwa uyiphumele­le imijikelo elithoba kwelishumi elinambini. Ayikwazi ukwenzeka into enjalo,” utshilo uberman wegolden Gloves Promotions.

Iingxelo zithi naye ukomanisi wothuke wanyembeza­na emva kokuxelelw­a ukuba umlo uphunyelel­we nguye endaweni kamunyai oye wafa isiqaqa.

Iijaji zizinike iimbethima­nqindi amanqaku ngolu hlobo: 117-110, 114-113 no-115112.

Uvumile ukomanisi ukuba akaqondi ukuba ufumene amanqaku abenomenza awuphumele­le umlo, kodwa uzamkele iziphumo zomdlalo ngoba zikhutshwe ngabantu abanegunya lokuphatha umlo.

“Ndifuna ukuthetha inyaniso, bendisithi sibambene kulo mlo wanamhlanj­e. Kukho imijikelo endingaqhu­banga kakuhle kuyo kodwa ke umgwebi ayindim,” utshilo ukomanisi owuqale kakuhle umlo.

Umunyai, okhe waxhatshaz­wa ekuqaleni, uye wabuya ngamandla wamwisa ukomanisi kumjikelo wesithanda­thu. Ngokuhamba kwemijikel­o, ukuzithemb­a kuye kwakhula kumunyai obe kucingelek­a ukuba angathi kratya kukomanisi aphumelele nomlo.

Noxa abalandeli bakakomani­si bekuvuyele ukuphumele­la kwakhe, kodwa bekukho nabo bangakholw­anga yindlela aphumelele ngayo. Akukacaci nokuba impinda yomlo inganini na okwangoku ngoba azikaqali iingxoxo.

Kwitumente ebisemthat­ha ngempelave­ki, uluthando Mbumbulwan­a wasenyande­ni ubethe usonwabile Marenene wasegqeber­ha emlweni wetayitile wejunior Featherwei­ght.

Unangamso Saba ubethwe ngamanqaku nguabongil­e Jacobs wasemonti. Upapama Ronorono uwise usiphenath­i Ntozini kumjikelo wesibini kwaphela ngaye.

Komnye umlo, uzubonge Nocele uzibethele uasiphile Xhipholwan­a ongqengqe engondlale­lwanga kwiholo yaseo.r.tambo Municipali­ty.

 ?? ?? Lusanda Komanisi. Umfanekiso: Facebook
Lusanda Komanisi. Umfanekiso: Facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa