Utwizza uthe jize nger288 000 iseven Stars yasekomani
Iza kuqhuba isizini entsha iseven Stars inamandla emva kokuba ifumene inkxaso kwinkampani yeziselo yasempuma Koloni, utwizza. Oku kwenzeke ngexesha elihle kakhulu kanye emva kokunyuselwa kweseven Stars kwinqanaba elingasentla ebholeni, IABC Motsepe League, kwiphondo lempuma Koloni.
Ngokutsho kukasosiba weqela, ujan Draghoender, injongo yabo ephambili kukuvulela ulutsha lwasekomani amathuba okukhula nokulibalekisa kwizinto eziyingozi. Imali ephume kutwizza yir288 000.
“Abaseki beseven Stars bakholelwa kwelokuba iyingozi ingqondo engasetyenziswayo. Sineminyaka ekumashumi amabini sikhona. Kodwa besingeke sihambe umgama omde ngaphandle kwabaxhasi abafana notwizza,” utshilo udraghoender obenemincili.
“Injongo yethu ephambili kukwenza umahluko ebantwini bokuhlala. Yiyo lo nto siyivuyela inkxaso esiyinikwa ngutwizza. Iza kulinceda iqela likwazi ukumelana neendleko zokuya emidlalweni yemotsepe League kwiindawo ngeendawo kwiphondo lempuma Koloni,” utshilo udraghoender kutshanje emva kokwamkela inkxaso katwizza.
Njengokuba iseven Stars iza kube iqhubela phambili nokuthatha inkxaxheba emidlalweni yemotsepe League, ukusokola okukhulu ngaphandle kwenkxasomali bekuvakala, kodwa umthwalo uza kuba khaphukhaphu ngoku. Amaqela kunyanzelekile ahambe ngemoto ukuya kwiindawo ezifana nasemaxesibeni, emthatha, emonti nasegqeberha.
Okwenza amaqela akwimotsepe League asokole yimali encinci ayifumana kusafa nakwimotsepe Foundation.
“Amawakawaka abalandeli bethu abathe tshitshilili ekomani nakwiindawo ezithile empuma Koloni, aza kuvuyela kakhulu abakwenzelwe ngutwizza. Siyakubulela xa amaqumrhu enza ingeniso kwiindawo zabantu ephinda ayityale ebantwini bokuhlala imali,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiseven Stars.
Onke amaphondo anamaqela alishumi elinesithandathu. Ekupheleni kwesizini, aye adibane aphumelele emaphondweni ukuze kuphume amabini aye enyukele kwimotsepe Championship engazintsi kancinci kwidstv Premiership ekudlala kuyo ooxholovane bamaqela ebhola ekhatywayo emzantsi Afrika.