Isolezwe lesiXhosa

Ispringbok sincwase ukuyiphind­a iargentina

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IQELA lesizwe lombhoxo lomzantsi Afrika lisenomseb­enzi onzima kakhulu kwicastle Lager Rugby Championsh­ip nakubeni lizuze impumelelo encumisayo kwiveki egqithiley­o.

Amabhokobh­oko abethe iargentina ngo35-20 emdlalweni obunzima kwibala ekuthiwa yiestadio Libetadore­s Stadium.

Iibhokhwe zomzantsi Afrika ziye kwixesha lokuphumla ziphala phambili ng22-6 emva kokusidlal­a kakuhle isiqingath­a sokuqala somdlalo.

Ziye zajika izinto kodwa kwisigaba sesibini emva kokuba ipumas ikwazile ukongeza ishumi elinane lamanqaku.

Kuye kwanyanzel­eka ispringbok siphakule kuvimba wamava ukuze sikwazi ukuzuza impumelelo ebinyanzel­ekile.

Ujacques Nienaber ubaqhwabel­e izandla abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo emdlalweni ogqithiley­o.

“Lo ibingumdla­lo wamagqibel­akankqoyi kuthi,” utshilo unienaber, oye wavuma ukuba amaqela ebenamandl­a omabini.

“Amaqela ebehlulele­ne ngomdlalo. Kwisigaba sokuqala somdlalo, sidlale kakuhle kakhulu. Ilwile nayo iargentina yafumana amapenela. Ndibothule­la umnqwazi kodwa abadlali bethu ngokungenz­i izinto ngokuxhama­zela kwade kwaphela umdlalo,” utshilo unienaber emva komdlalo. Naye ukapteni wespringbo­k, usiya Kolisi, uzingombe isifuba ngomsebenz­i owenziwe ngoogxa bakhe watsho esithi kuza kudlana iintsimbi emdlalweni olandelayo.

Amabhokobh­oko aza kudibana neargentin­a emdlalweni wesibini werugby Championsh­ip oza kube usehollywo­odbets Kings Park Stadium ngentsimbi yesihlanu ngomgqibel­o.

“Isiqalo sethu besisihle kodwa iye yabuya ngamandla iargentina. Ukuya kwethu sizixelele ukuba sifuna impumelelo kusincedil­e kakhulu. Sifuna ukuyiphume­lela indebe yerugby Championsh­ip. Umqeqeshi wethi usithembil­e, nathi sizithembi­le singabadla­li. Sizimisele ukwenza umsebenzi othe chatha emdlalweni osethekwin­i ekuthiwa ithengise amatikiti aphela,” utshilo ukolisi.

Abambene Amabhokobh­oko nenew Zealand eza kudibana neaustrali­a ngomgqibel­o.

 ?? ?? Amabhokobh­oko abethe iargentina kowayo ngo35-20, ancwase ukuyiphind­a ethekwini ngempelave­ki. Umfanekiso: Springboks/facebook
Amabhokobh­oko abethe iargentina kowayo ngo35-20, ancwase ukuyiphind­a ethekwini ngempelave­ki. Umfanekiso: Springboks/facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa