Ilungiselela imidlalo yobuhlobo ibafana
ABADLALI beqela lesizwe lebhola ekhatywayo bayilungele imidlalo yobuhlobo nangona iveki yabo ingaqalanga kakuhle.
Umqeqeshi webafana Bafana, uhugo Broos, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba iqela lakhe lingavunyelwanga ukusebenzisa idobsonville Stadium, indawo ebeliza kuzilolongela kuyo.
Kuthe kanti isafa khange iwenze kakuhle amalungiselelo.
Lo nto imshiye ephoxekile ubroos ozama ukwakha iqela elinokuzibekela indawo kwiafrica Cup of Nations elandelayo.
Njengokuba le veki iyeyemidlalo YEFIFA, umzantsi Afrika ujamelene nemidlalo emibini yobuhlobo.
Kowokuqala, uza kudibana nesierra Leone emalanga ngomgqibelo, EFNB Stadium.
Omnye uza kudibana kuwo nebotswana ngolwesibini weveki ezayo.
Iqela likabroos libethwe yifrance nemorocco emidlalweni yokugqibela eliyidlalileyo.
Okucacileyo kukuba umqeqeshi ukuphephile ukuthelekisa iqela lakhe namazwe amakhulu kuba engafuni ukophula umoya wabadlali bakhe phambi komdlalo obalulekileyo wokuhlakulela iafcon.
Akukho bani waziyo nokuba ibotswana nesierra Leone ziya kuyinceda na ibafana Bafana.
Uqale kakuhle ubroos kunyaka ophelileyo ngokuphumelela imidlalo emine, kodwa yonke into yonakala mhla ibafana Bafana yoyiswa yighana ngendlela enebatha emidlalweni yamazwe abezama indlela yokuya kwitumente yehlabathi.
Ibafana Bafana iza kudibana neliberia emdlalweni ohlakulela iafcon olandelayo.
“Ndikhethe isierra Leone ngoba idlala umdlalo ofanayo neliberia esiza kudlala nayo kunyaka ozayo,” utshilo ubroos ethethelela ukukhetha iqela elisezantsi kakhulu kumanqwanqwa wefifa.
“Sinemidlalo emibini ebalulekileyo esiza kuyidlala neliberia. Ukudlala nesierra Leone kuyasincedisa kumalungiselelo wethu. Yona ibotswana siyikhwebile ngoba ndathi ndifuna imidlalo emibini kule nyanga,” utshilo ubroos.
Okothuse umzi kukuchonga uthemba Zwane awayethe mdala ngaphambili.
Omnye umdlali obengekho ekuqaleni kodwa oye wabizwa ngusiyanda Xulu ongene endaweni kathabang Phete oye wonzakala.