Tlhopie: Abadlali bayazifunela ukuza kwisundowns
IPHINDE yavumbuluka ingxoxo ngendlela ethenga ngayo abadlali imamelodi Sundowns, ngamanye amaxesha ingabadingi.
Kwimpelaveki egqithileyo, isundowns ibhengeze uterrence Mashego njengomdlali wayo omtsha. Umashego uthengwe kwicape Town City ngemali eqikelelwa kwizigidi ezilishumi zeerandi, ngokokutsho kwabasemfuthweni wolwazi.
Nangona isundowns isaziwa ngokuthenga abadlali abasemgangathweni kodwa yothuse umzi ngokuthenga umashego inabo abadlali abafana nolyl Lakay noaubrey Modiba.
Ecacisa ngomdlali wedowns omtsha, urulani Mokwena uthethe wenjenje:
“Eli thuba lokuthengwa kwabadlali liyamangalisa. Amanye amaqela awaqinanga kwicala lezemali. Konakona besingenaso isicwangciso sokuthenga umdlali odlala emva kwicala lasekunxele,” utshilo umokwena emva kokuba idowns ibethe Amazulu ngo1-0.
“Besiba sakube sigqibile ukuthenga abadlali abatsha kodwa xa kuthiwa uyafumaneka umdlali okhethekileyo njengomashego, kuye kwanyanzeleka senze imigushuzo. Asimthathanga kubo kukho ingxaki kwaba sinabo abadlali, simthathe ngoba umashego ungumdlali okhethekileyo,” utshilo umokwena.
Abalandeli bebhola ekhatywayo bayityhole isundowns ngokuthenga umbumbumbu kuba ifuna ukutheza amandla amanye amaqela akhuphisana nayo kwidstv Premiership.
Umongameli wesundowns, utlhopie Motsepe, uzigalele amanzi iintetha zabantu ngelithi ngabadlali abafuna ukuza kwiqela lakhe kuba bebona ukuba liguqula ubomi babantu ebholeni.
“Andazi nokuba izigxeko ezi zisuka phi na. Ngabadlali abafuna ukuza kwisundowns kuba bebona ukuba ingabuphucula ubomi babo,” utshilo umotsepe.
Ukuthethe oku ewonga uhlompho Kekana obeke phantsi kwisizini ephelileyo emva kokudlalela isundowns iminyaka elishumi.
“Besikhe sasikelelwa bubukho bomdlali okhethekileyo ofana nohlompho Kekana apha kwisundowns. Ebekhuphisana noteko Modise notiyani Mabunda. Ndizama ukuthi abadlali bafuna ukuza kwisundowns ngoba befuna ukuphucula ubomi babo nokuzuza izinto ebholeni,” utshilo umotsepe ekuvakala ukuba uchithe amashumi amahlanu ananye ezigidi zeerandi kumarcelo Allande wasechile odlalela idowns ngoku.
Emva kokutyikitya abadlali, kulindeleke ukuba isundowns ikhulule abadlali abaliqela phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthengiswa kwabadlali namhlanje.