Isolezwe lesiXhosa

Umalesela uzityand’ igila ngokubange­la ashiye iroyal AM

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

EMVA kweenyanga ezimbalwa emkile, udan Malesela ubuyele kwimarumo Gallants kwakhona kule veki.

Oku kwenzeka emva kokuba ebeke phantsi njengomnye wabaqeqesh­i beroyal AM kwiveki ephelileyo.

Waqeshwa kanye phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo ngumamkhiz­e efika kukho ukhabo Zondo abesebenza ngokubambi­sana naye.

Ekuqaleni khange icace eyona nto ebangele umalesela alinikele umva iqela lebhola ekhatywayo lakwazulun­atal, kodwa kuye kwacaca kule veki.

“Ndibone ukuba mandihambe. Ukusebenza ngokubambi­sana kwabaqeqes­hi asinto endiyithan­dayo mna. Kubakho izinto endingakwa­ziyo ukuzenza ngoba sisebenza sibaninzi,” utshilo umalesela ethetha nesikhulul­o sikanomath­otholo.

“Akukhange kubekho kuphikisan­a ngento ethile kodwa bekuza kuthatha ixesha elide ukuze iqela lidlale ngendlela endifuna ngayo. Yiyo lo nto ndibone ukuba mandihambe,” utshilo umalesela.

Ubuyela kwigallant­s awayishiya kungekuhla­nga kwisizini egqithiley­o nangona yajika kwisigaba sokugqibel­a senedbank Cup.

“Kwaba lilishwa ukuphela kwesivumel­wano sengqesho sikadan Malesela sabe nathi(siliqela sikhangela umqeqeshi. Emva kweengxoxo, sibone ukuba masiphinde simamkele njengomqeq­eshi wemarumo Gallants,” utshilo uabram Sello, usihlalo weqela.

Umalesela uthatha indawo eshiywe nguromain Folz ohambe ekhala ngoharris Chueu awamtyhola ngokufaka impumlo emsebenzin­i wakhe.

Ufolz wabhengeza ukulahla kwakhe kumajelo eendaba, kodwa imarumo Gallants yathi ayazi nto kodwa emva koko yazibhekel­isa kwiintetha ezenziwa nguchueu ngomqeqesh­i.

Ufika ngexesha elibi umalesela imarumo Gallants isakhangel­a impumelelo yayo yokuqala emva kwemidlalo esibhozo eyidlalile­yo kule sizini. Inamanqaku amathandat­hu ebhodini emva kokudlala ntanganye emidlalwen­i emithandat­hu emva kokubethwa kwemibini.

Ngomhla wesine kwinyanga ezayo, igallants iza kudibana nets Galaxy emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usembombel­a Stadium.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa