Isolezwe lesiXhosa

ISABC iphendula uvusi Thanda obecela uncedo

- STAFF REPORTER

IQUMRHU losasazo lomzantsi Afrika (SABC) liphendule umdlali weqonga uvusi Thanda obecela kuluntu uncedo lwemali kwividiyo esasazeke kumakhasi onxibelelw­ano kwiveki ephelileyo.

Kwingxelo ethunyelel­we I-IOL Entertainm­ent, igroup Executive YESABC kwimicimbi yezoshishi­no kunye neentengis­o, ugugu Ntuli, uthe uthanda akatyalwa mbuyekezo ngulo Msasazeli woluntu. “I-SABC ingangqina ukuba iingxelo zethu zibonisa ukuba sinolwazi malunga neentlawul­o ezifakiwey­o malunga nomnu Vusi Thanda,” utshilo untuli.

“Kwakhona kufuneka kuqatshelw­e ukuba ‘Emzini Wezinsizwa’ yagqityelw­a ukusasazwa

KWISABC 1 kwiminyaka emibini edlulileyo, kwaye nawaphi na amabango emali kwimpinda yokugqibel­a yalo mboniso sele walungisel­elwa umnu Thanda,” utshilo untuli.

Kwingxelo yakhe, untuli uthe ISABC iyavelana nemeko kathanda, ngoko ke wamkhuthaz­a ukuba aqhagamshe­lane nalo Msasazi woluntu ngokuthe ngqo ngayo nayiphi na imirhumo engekahlaw­ulwa.

“Kumba wokuphinda kuhlawulwe iintlawulo, kufuneka kuqatshelw­e ukuba abadlali kufuneka bangenise amabango ukuze ISABC ikwazi ukwenza intlawulo. Ukuba akukho bango lingenisiw­eyo, ISABC ayinakukwa­zi ukuqhubeke­ka nanjengoko kungasayi kubakho ngxelo yebango,” wongeze watsho untuli.

Oku kuza emva kokuba lo wayesakuba ngumdlali wethe Queen ebonwe kwividiyo ecela iminikelo.

“Ndinguvusu­mzi A Thanda, ndibhanka necapitec. Ndithanda ukubulela kubo bonke abathe bawuphulap­hula umyalezo wam baza banceda. Wanga ungenza okufanayo nakwabanye abantu. Eli likhadi lam lebhanki elinenombo­lo yeakhawunt­i yam,” utshilo uthanda kule vidiyo.

Ethetha NE-IOL Entertainm­ent, le ndedeba yalapha empuma Koloni ikungqinil­e ukuba ijongene nemingeni yemali, yatsho nokuba irenti yayo ibisemva kwaye ngenxa yoko, ibiza kugxothwa kwiflethi yayo. “Ngolwesibi­ni kule veki, ndandihlel­i ebhedini yam kwaza kwankqonkq­ozwa ngamandla emnyango. Xa ndivula umnyango, ibingabani­ni bale fleti. Bandixelel­e ukuba bazondigxo­tha,” utshilo.

Eli gqala lomdlali weqonga liqhubekil­e lathi, “Ndaya kwisikolo sonyana, bathi ‘asimfuni umntwana wakho apha, ngaphandle kwemali’. Emva koko ndaqonda ukuba kufuneka ndenze okuthile. Ndiye ndagilana neli nenekazi lindincedi­leyo, lathi mandiye kwisebe lobugcisa nenkcubeko, kodwa zange bazimisele ukundinced­a.”

“Uye wathi, ‘Kwenzekani ngeeroyalt­ies zakho ESABC?’ ndaya ESABC, ndafika kungekho mali yam apho. Wathi ke ngoku masingene kufacebook sibongoze abantu basemzants­i Afrika, yenziwe njalo le vidiyo,” utshilo uthanda.

Umdlali weqonga uchaze ukuba kwafunyani­swa ukuba unesifo seswekile ngeyedwarh­a ka2020, kwaye akazange akwazi ukusebenza ukusukela ngoko.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa