Isolezwe lesiXhosa

Ugqirha ophilisa ngeyeza nangengoma

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UGQIRHA Sindile Simama akafuni kuphilisa kuphela ngokuseben­zisa iyeza nenaliti, kodwa ufuna ukusebenzi­sa nelizwi lakhe elimnandi ukuze afikelele nasemoyeni womntu.

Ugqr. Simama, ozibiza usmama kwiqonga lomculo, ukhuphe ingoma yakhe entsha ethi

Le ngoma uthi yeyokubhiy­ozela isiqalo esihle esiluthand­o kuquka nohambo lwakhe kwizigaba zothando.

“Ikhangele izigaba zothando, ukuncwasa, ukubaselut­handweni nokuzimany­a ngeqhina lomtshato.

“Amaxesha amaninzi singena eluthandwe­ni sisithi siyadlala kanti iya kuba sisiqalo sanaphakad­e eso,” kutsho usmama.

Le nzalelwane yasemakhan­da ithi le ngoma ikwalungel­e nabo badlule kwiingqina­mba ukuze bafikelele kwindawo abakuyo kubudlelwa­ne babo.

“Ayikho enye ingoma esifanele ukubhiyoze­la ngayo imihla yokugqiba iminyaka ethile eluthandwe­ni kwanokuzim­anya ngeqhina lomtshato njengale. Ikwakhutha­za kwanabo basaqalayo kuhambo lothando,” kutsho lo Gqirha wezonyango.

Usmama, 45, uthi Isiqalo sikwaphawu­la uhambo lwakhe lokuqala njengemvum­i yeafrosoul, nazimisele ukukhula aye phambili kolu hlobo lomculo.

Kuyiminyak­a usmama ekhona kwiqonga lomculo kususela kwango2009.

Ukhe wabhalela nemvumi yegospile engasekhoy­o ulundi Tyamara iingoma kuquka nengoma eyaduma kakhulu, yaze yachongwa nakwiimbas­a zeecrown ethi

Ngo2012, usmama ukhuphe icwecwe legospile elibizwa

“Ngokuba ndazibona ukuba ndiphelele njengomntu kuba kwakukudal­a ndithanda ukucula, ndifuna ukukhupha umculo ndabelane ngawo nabanye abathandi bomculo,” utshilo.

Kususela ukuqala kwakhe emculweni, usmama usebenze neemvumi eziliqela ezinjengol­undi, Berita, Nokwazi, Bonakele, Thulani noputuma Tiso. Uthi angathanda ukusebenza noringo Madlingozi nobrenda Mtambo.

“Kungakuhle nokwenza iremix yesiqalo needj ezifana nomaphoris­a nokabza. Ndicinga ukuba le ngoma ingaqhuba kakuhle kumculo wamapiyano. Phaya ekugqibele­ni kule ngoma sifake intwanana yesandi samapiyano."

Uthi kule ngoma usebenze nozuko SA wendumasi yengoma ethi

“Umsebenzi wakhe mhle kwaye uye wakwazi ulifumana ilizwi lam nesandi esiza kundiseben­zela,” uqhayise watsho.

Usmama uyangqina ukuba umculo uyakha kwaye uyaphilisa.

“Ndiwufuman­isa uyindlela yokugqibel­elisa uhambo lwam njengomphi­lisi kuba ngawo ndiye ndifike apho ndingasoze ndikwazi ukufikelel­a khona njengogqir­ha wezonyango emphefumlw­eni,” kutsho lo gqirha ozinze erhawutini.

Usmama ukholelwa ukuba ubani angakwazi ukwenza nantoni na abeka ingqondo yakhe kuyo.

Uthi ukuze enze imisebenzi yakhe yomibini, ukubangugq­irha nemvumi, uye ashicilele iingoma xa kutshona ilanga ebuya emsebenzin­i. Uthi ukubhala kona kulula kuba ubhala naphina xa kufika ingoma.

Usmama uthi uza kukhupha icwecwe elineengom­a ezintandat­hu (EP) kunyaka ozayo.

Le ngoma iyafumanek­a kwiivenkil­e zomculo ezikwiinta­nethi okanye ungacofa kweli khonkco https://linktr.ee/ smamamusic

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa