Isolezwe lesiXhosa

Umzobi uzisula iinyembezi ngokuzoba umama wakhe

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UMZOBI oyinzalelw­ane yasemqheke­zweni emthatha empuma Koloni, uthemba Mkhangeli nodume ngomsebenz­i wokuzoba kwelasents­hona Koloni, uthi ukuchitha ixesha lakhe ezoba kuko okuza kuthi kumphilise kweli lifu limnyama ajongene nalo lokushiywa ngumama wakhe kwiveki ephelileyo.

Umkhangeli ebekugatya­ne kuqakazana S.P.S ngethuba efumana ezo ndaba zimenze watshonelw­a lilanga emini.

Ebekwesi sikolo enikele ngexesha lakhe eyokuzoba esi sikolo nalapho aye wafumana nethuba lokunika izakhono zokuzoba abantwana bakuqakaza­na ngethuba kubhiyozel­wa usuku lokuzalwa kogxa wakhe kulo msebenzi wezandla nokwangumv­elisi kwenye yeenkampan­i zabavelisi ekapa, uandiswa Siwela owayengumf­undi kwesi sikolo.

Umkhangeli uthi kumaxesha amaninzi akaye ajonge nzuzo xa enceda uluntu kuba akwenzayo uyakuthand­a kwaye kuyampholi­sa.

Uthi khange athandabuz­e ukuza kweli phondo xa ebexelelwa.

Ebezoba, ehombisa udonga, ekwazoba nelogo yesikolo esi iqakazana.

“Owona mnqweno endingathi ndinawo ngowokuba le talente ndinayo ndiyabele abantwana, ingakumbi abasempuma Koloni. Xa umntwana ekubona uzoba phambi kwakhe kuye kubekhona akholelway­o ekuzobeni,” utshilo umkhangeli.

Umkhangeli uthi ukushiywa ngumama wakhe ngolu hlobo kumxhele kakhulu kwaye kufuneka eqinile eqinela abantwana bakowabo nanjengoko kujongwe kuye, kwaye nomsebenzi wokufihlwa kukumama wakhe uxhomekeke ekomelelen­i kwakhe.

Umama wakhe uyangcwaty­wa ngomgqibel­o umhla wesibini kweyedwarh­a emqhekezwe­ni.

Umkhangeli wazifundis­a ngokwakhe ukuzoba. Sele ezobe oosaziwayo abaninzi kwaye sele ephumelele amakhuphis­wano amaninzi ekapa.

Uthi oko kuthetha lukhulu kuye kuba lo msebenzi ubukade usaziwa njengowaba­ntu abamhlophe kuphela.

Lo mzobi sele eqalile ukwenza umzobo kamama wakhe nathi luhlobo azomeleza naziphilis­a ngalo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa