Uchithe usuku lokuzalwa kwisikolo sakhe iqakazana
Oyinzalelwane yakuqhakazana kugatyana, uandiswa Nosiphiwo Siwela, wonyuke intaba enkulu imount Kilimanjaro kuba esenza iinzame zokuphucula isikolo awaqala kuso amabanga akhe aphantsi iqakazana S.P.S nephantsi kwesekethe.
Usiwela kule nyanga ebezalwa nekulapho aye wayokuchitha usuku lonke lwesikhumbuzo sokuzalwa kwakhe kwesi sikolo.
Uthi ukhule engafumani yonke into, nathi akanokuthanda ukubona omnye umntwana esokola njengaye ngethuba engumfundi, abe amathuba ekhona anokuthi atshintshe eso simo. Uthi ngexesha akhula ngalo ayengekho la mathuba anje.
Uqale kunyaka ophelileyo ukuzamela esi sikolo impucuko. Uqale ngokuzama izindlu zangasese ezintsha ethethana norhulumente nophele naye encedisa emva kwamagingxiginxi aye akho.
Emva koko uzame ucingo lokubiya isikolo njengoko besikade singabiywanga imfuyo ingena.
Uqhubekekile nalapho athi ucele iimpahla zokudlala kwakunye nebala lezemidlalo emasebeni afanelekileyo nalapho athi wehliswe phantsi phezulu engafumani ncedo, nangona kunjalo uthi akazukutyhafa uza kucela nakoosomashishini babucala kuba akufunayo yinkqubela phambili kwesi sikolo.
Ngolu suku lokuzalwa kwakhe, unikezele ngezixhobo zokudlala zobantwana ezifana nojingi ekhupha kuye nangokoncedo lwabantu abamxhasayo.
“Andizukuphela mandla nokuba na ndifumana ubunzima malunga nenkxaso, kuba endikufunayo kukuba abantwana bafumane imfundo engcono bangaziboni koomabonakude ezi zinto,” utshilo usiwela.
“Ndikholelwa ukuba mna Andiswa ndisisipho, nam ke ndizokwabelana nabantwana ngesi sipho ndisiso njengoko ndikwangumntu othanda abantwana.”
Ubulele inkxaso koogxa bakhe abathe bamxhasa kweli phulo lakhe. Abo bafana nomphathi wakhe emsebenzi ekapa kwakunye nomzobi uthemba Mkhangeli oye wazoba idonga lesi sikolo.
Inqununu yaseqakazana, umandisi Mkhwenkwe, uthi nabantwana baza kubuya esikolweni kuba baza kube bebona ezi zinto zintle zokudlala apha esikolweni.
“Siyabulela kwaye sothukile, khange silindele ukuba kuza into enje. Xa ebesithi uandiswa uza kuza azokusibona ngosuku lwakhe lokuzalwa kanti ebexela into enje,” utshilo umkhwenkwe.
Olilingu lesigqeba kwibhodi yesi sikolo uchristina Nombewu, uthi lo msebenzi wenziwe eqakazana uza kubancedisa kakhulu kwaye nemfundo iza phuhla kuba kukho amanani kwakunye namagama edongeni azotyiweyo, kwaye nalawo bafunda ngawo nangaphakathi ezifundweni.
Unombewu uthi baza kutsho nabantwana basikhombe nesabo isikolo ngenxa yobuhle baso.