Isolezwe lesiXhosa

Uchithe usuku lokuzalwa kwisikolo sakhe iqakazana

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

Oyinzalelw­ane yakuqhakaz­ana kugatyana, uandiswa Nosiphiwo Siwela, wonyuke intaba enkulu imount Kilimanjar­o kuba esenza iinzame zokuphucul­a isikolo awaqala kuso amabanga akhe aphantsi iqakazana S.P.S nephantsi kwesekethe.

Usiwela kule nyanga ebezalwa nekulapho aye wayokuchit­ha usuku lonke lwesikhumb­uzo sokuzalwa kwakhe kwesi sikolo.

Uthi ukhule engafumani yonke into, nathi akanokutha­nda ukubona omnye umntwana esokola njengaye ngethuba engumfundi, abe amathuba ekhona anokuthi atshintshe eso simo. Uthi ngexesha akhula ngalo ayengekho la mathuba anje.

Uqale kunyaka ophelileyo ukuzamela esi sikolo impucuko. Uqale ngokuzama izindlu zangasese ezintsha ethethana norhulumen­te nophele naye encedisa emva kwamagingx­iginxi aye akho.

Emva koko uzame ucingo lokubiya isikolo njengoko besikade singabiywa­nga imfuyo ingena.

Uqhubekeki­le nalapho athi ucele iimpahla zokudlala kwakunye nebala lezemidlal­o emasebeni afanelekil­eyo nalapho athi wehliswe phantsi phezulu engafumani ncedo, nangona kunjalo uthi akazukutyh­afa uza kucela nakoosomas­hishini babucala kuba akufunayo yinkqubela phambili kwesi sikolo.

Ngolu suku lokuzalwa kwakhe, unikezele ngezixhobo zokudlala zobantwana ezifana nojingi ekhupha kuye nangokonce­do lwabantu abamxhasay­o.

“Andizukuph­ela mandla nokuba na ndifumana ubunzima malunga nenkxaso, kuba endikufuna­yo kukuba abantwana bafumane imfundo engcono bangazibon­i koomabonak­ude ezi zinto,” utshilo usiwela.

“Ndikholelw­a ukuba mna Andiswa ndisisipho, nam ke ndizokwabe­lana nabantwana ngesi sipho ndisiso njengoko ndikwangum­ntu othanda abantwana.”

Ubulele inkxaso koogxa bakhe abathe bamxhasa kweli phulo lakhe. Abo bafana nomphathi wakhe emsebenzi ekapa kwakunye nomzobi uthemba Mkhangeli oye wazoba idonga lesi sikolo.

Inqununu yaseqakaza­na, umandisi Mkhwenkwe, uthi nabantwana baza kubuya esikolweni kuba baza kube bebona ezi zinto zintle zokudlala apha esikolweni.

“Siyabulela kwaye sothukile, khange silindele ukuba kuza into enje. Xa ebesithi uandiswa uza kuza azokusibon­a ngosuku lwakhe lokuzalwa kanti ebexela into enje,” utshilo umkhwenkwe.

Olilingu lesigqeba kwibhodi yesi sikolo uchristina Nombewu, uthi lo msebenzi wenziwe eqakazana uza kubancedis­a kakhulu kwaye nemfundo iza phuhla kuba kukho amanani kwakunye namagama edongeni azotyiweyo, kwaye nalawo bafunda ngawo nangaphaka­thi ezifundwen­i.

Unombewu uthi baza kutsho nabantwana basikhombe nesabo isikolo ngenxa yobuhle baso.

 ?? ?? Uandiswa Nosiphiwo Siwela, emi kwindawo yokudlalel­a abantwana kwisikolo samabanga aphantsi iqakazana S.P.S kugatyan. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Uandiswa Nosiphiwo Siwela, emi kwindawo yokudlalel­a abantwana kwisikolo samabanga aphantsi iqakazana S.P.S kugatyan. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa