Isolezwe lesiXhosa

Wamdilizel­a umzi akugqiba wambulala kuba emtyala

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

INDODA yasemount Fletcher engasekhoy­o negama layo lingunonon­o Mzonjani eyayingakh­ange ikwazi ukubhatala ityala lemali elayenza kusomashis­hini onguwillia­m Sawule (68), yadilizelw­a umzi ngomatshin­i owaziwa ngokuba YITLB ze emva koko yadutyulwa yabhubha phambi kosapho lwayo.

Ingxelo ephuma kothethela INPA, uluxolo Tyali, ithi umzonjani wahlaselwa phambi kosapho lwakhe ngomhla wama29 kweyekhala kulo nyaka, ehlaselwa ngamadoda amabini, unkosinath­i Mhlamvu (31) kwakunye nolwazi Dlamini (32), nekuvakala ukuba babethengw­e ngusawule ekubeni bayokubula­la umzonjani.

Aba barhanelwa benza ingathi bafuna uncedo ngemoto yabo enengxaki kumzi kamzonjani, ukuphuma kwakhe eyokubance­da bagalela ngeembumbu­lu ezisibhozo kwixhoba labhubha.

Aba barhanelwa bathathu bavelile enkundleni yamatyala kwiveki ephelileyo nalapho bengakhang­e banikwe bheyile, basengapha­kathi eziseleni.

Inkundla isikhabile isicelo sebheyile. Kulindelek­e ukuba baphinde bavele kwakhona ngomhla we13 kule yedwarha 2022.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa