Ubomi ejele kunyana owabulala unina
UMOLEFE Kosie (42) uza kuchitha bonke ubomi bakhe ejele emva kokufunyanwa enetyala lokubulala umama wakhe (60).
Ukosie, ufunyenwe yinkundla yengingqi yamatyala asesterkspruit, nalapho agwetywe ubom ngokubulala, ngaphezulu yaba yiminyaka engama29 yokuphanga kwaneyokujongela phantsi ingalo yomthetho.
Ingxelo ephuma kukapteni Ursula Roelofse ithi kwabizwa amapolisa ngomhla wama20 kweyethupha ka2018, ebizwa ngunyana lo ebanga ngelithi ubhaqa umama wakhe eswelekile egumbini lakhe lokulala.
Ukufika kwawo kwikhaya eli likwilali icolville, unyana wakhomba apho umzimba kanina ulele khona egumbini lakhe, wabe ebotshelelwe ngentambo enkulu kwaye enenxeba elikhulu ngasemva entloko.
Ngokokuqhubekeka kophando, kwafumaniseka ukuba umama uxatyelwe ngomhlakulo entloko kwaye negumbi eli likamama lalingumbhodamo ngethuba kufika amapolisa.
Ingxelo ithi unyana waxelela amapolisa ukuba umab onakude kwakunye nemoto eluhlobo lwehonda emhlophe kanina zilahlekile nazo.
Ngosuku olulandelayo imoto yafumaneka inyengezwe kwirenki yezithuthi edolophini, kwafunyanwa nomabonakude ngaphakathi kumva wemoto le kwanentambo efana nqwa nebibophelele unina.
Ekuqhubekekeni kophando lwabecuphi nobungqina obamane buvela, kwakhokelela ekubanjweni konyana nowafunyanwa esoleka kuwo onke la matyala okubulawa kukamama wakhe.