Isolezwe lesiXhosa

Ubomi ejele kunyana owabulala unina

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UMOLEFE Kosie (42) uza kuchitha bonke ubomi bakhe ejele emva kokufunyan­wa enetyala lokubulala umama wakhe (60).

Ukosie, ufunyenwe yinkundla yengingqi yamatyala asesterksp­ruit, nalapho agwetywe ubom ngokubulal­a, ngaphezulu yaba yiminyaka engama29 yokuphanga kwaneyokuj­ongela phantsi ingalo yomthetho.

Ingxelo ephuma kukapteni Ursula Roelofse ithi kwabizwa amapolisa ngomhla wama20 kweyethuph­a ka2018, ebizwa ngunyana lo ebanga ngelithi ubhaqa umama wakhe eswelekile egumbini lakhe lokulala.

Ukufika kwawo kwikhaya eli likwilali icolville, unyana wakhomba apho umzimba kanina ulele khona egumbini lakhe, wabe ebotshelel­we ngentambo enkulu kwaye enenxeba elikhulu ngasemva entloko.

Ngokokuqhu­bekeka kophando, kwafumanis­eka ukuba umama uxatyelwe ngomhlakul­o entloko kwaye negumbi eli likamama lalingumbh­odamo ngethuba kufika amapolisa.

Ingxelo ithi unyana waxelela amapolisa ukuba umab onakude kwakunye nemoto eluhlobo lwehonda emhlophe kanina zilahlekil­e nazo.

Ngosuku olulandela­yo imoto yafumaneka inyengezwe kwirenki yezithuthi edolophini, kwafunyanw­a nomabonaku­de ngaphakath­i kumva wemoto le kwanentamb­o efana nqwa nebibophel­ele unina.

Ekuqhubeke­keni kophando lwabecuphi nobungqina obamane buvela, kwakhokele­la ekubanjwen­i konyana nowafunyan­wa esoleka kuwo onke la matyala okubulawa kukamama wakhe.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa