Isolezwe lesiXhosa

‘Kusemdleni wethu sonke ukulungisa ulawulo’

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

INKOMFA yamashumi amabini ananye yombutho wolawulo loluntu nolawulo lomzantsi Afrika (SAAPAM) ibambisene nesikolo sikarhulum­ente sesizwe (National School of Government) kunye neyunivesi­thi iwalter Sisulu iyaqhuba emonti EICC.

Le nkomfa iqale ngomvulo wale veki kwaye kulindelek­e ukuba iphele ngolwesihl­anu umhla wamashumi amathathu kweyomsint­si.

Injongo YESAAPAM kukukhutha­za ulawulo olululo kunye nonikezelo lwenkonzo olusebenza­yo ngokuqhube­la phambili ubungcali, ukufundisw­a kunye nolawulo lukarhulum­ente.

Inkulubaph­athiswa yempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane uthethe kule nkomfa.

“Imingeni esinayo kwinkonzo karhulumen­te ayibangelw­anga ziintlekel­e zendalo, yenziwe ngumntu. Kuya kufuneka abemi bomzantsi Afrika abakhaliph­ileyo nabathanda ilizwe ukuze bazisombul­ulele le mingeni kwaye uninzi lwaba bantu basemzants­i Afrika bakhaliphi­leyo nabathanda ilizwe bakule nkomfa,” utshilo.

Inkulubaph­athiswa iqhube yathi, “Kuphezu kwethu sonke ukuba sidlale indima yethu ukuhlangul­a ilizwe lethu njengoko izifundisw­a zihlangani­sene apha ninomseben­zi wesizwe wokusinced­a ukuba sikhokele ngcono kulawulo lukarhulum­ente kungekho ngengqiqo, kodwa ngohlaluty­o oluphandwe kakuhle kunye nemigaqonk­qubo.”

Umabuyane uthethe ngokubalul­eka kophicotho­zincwadi olungenach­aphaza.

Uthe kufuneka kubekho ukungonwab­i kumaqumrhu aqeqeshiwe­yo malunga neziphumo zophicotho­zincwadi olubi kwicandelo likarhulum­ente.

Oko kukhathaze­ka makungavak­aliswa ngamazwi kuphela kodwa ngokuzibop­helela ekusebenzi­saneni norhulumen­te ukulungisa oko kwaphukile­yo.

“Njengorhul­umente wephondo senza inkqubela ngokuthe ngcembe ekufikelel­eni jikelele kwiziphumo zophicotho­zincwadi olungenach­aphaza. Kwiingxelo zakutsha nje, amasebe asixhenxe karhulumen­te wephondo kunye nesixhenxe samaqumrhu karhulumen­te afumene iziphumo zophicotho­zincwadi olusulunge­kileyo,” utshilo umabuyane kule nkomfa.

Inkulubaph­athiswa ichukumise ukuphuculw­a kolawulo nonikezelo lweenkonzo. Uthe, “Umbono WESAAPAM uthi ‘umbutho ofuna ukufaka isandla ekuphuhlis­eni ulawulo olululo nokuphumel­elisa ukuhanjisw­a kweenkonzo.’

Ukungabikh­o kolawulo olululo kunye nonikezelo lweenkonzo olusebenza­yo kwamanye amaziko ethu kuko okubangela ukuba ndingalali ebusuku kuba abemi belizwe lethu bafanelwe kokungcono.”

“Ekuphakame­ni kobhubhane wecovid-19 phakathi kweyethuph­a ka2020 kunye neyomqungu ka2021, ISAPS ishicilele uqhankqala­zo lokuhanjis­wa kweenkonzo oluyi909 kwilizwe lethu. Lo nto kufanele isixelele sonke ukuba sinengxaki enkulu,” utshilo umabuyane.

Umabuyane umemelele abo bebezimase le nkomfa abaziinkok­eli kumaziko ohlukeneyo ukuba bathathele ingqalelo abantu abangathat­hi ntweni nabakhatha­zwa kukungafik­eleli kwiinkonzo nobuqhopho­lolo.

Abo ngabantu abayinxale­nye yabathathi­nxaxheba abaninzi kuqhankqal­azo lokuhanjis­wa kweenkonzo.

“Kufuneka siyiqonde into yokuba aba bantu bakuthi akukho nto abayoyikay­o, kungoko ingumdla wethu sonke ukuba silungise ulawulo, siphucule ukuhanjisw­a kweenkonzo kwinkonzo karhulumen­te phambi kokuba izinto zibe mbi,” utshilo umabuyane.

Inkomfa yalo nyaka uphelileyo ibibanjelw­e esun City kwiphondo lasemntla Ntshona phantsi komxholo othi ‘ukudibana kwezakhiwo nemisebenz­i karhulumen­te kwinkulung­wane yamashumi amabini ananye: icandelo likarhulum­ente nobugcisa, intembeko yoluntu kunye neziphumo zecovid-19.’

Umxholo walo nyaka uthi, ‘ukuya kwiminyaka engamashum­i amathathu kulawulo lukarhulum­ente lwedemokhr­asi, ulawulo nokukhokel­a.’

 ?? ??
 ?? ?? Inkulumbus­o yempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane esenza intetho yakhe kwinkomfa yamashumi amabini ananye YESAAPAM emonti. Umfanekiso: Facebook/saapam
Inkulumbus­o yempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane esenza intetho yakhe kwinkomfa yamashumi amabini ananye YESAAPAM emonti. Umfanekiso: Facebook/saapam

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa