Sondela Msondezi
UMHLOBO wam umsondezi lo unendlela yakhe yogxotha ikati ingalali eziko kwaye ke le yakhe indlela isithele futhi ke inqabile, kuba esona sixhobo sakhe sokusebenza sisinqe sakhe kunye ke nombilo edongeni.
Unendlela yakhe ke eyaziwa nguye nomphefumlo wakhe, indlela yokurhweletya nokutsalela okanye ukusondeza kuye oosisi, udidi loonke ke loo sisi kodwa ke ngakumbi abo bapokotho zifumileyo.
Kanye njengegama lakhe ke umsondezi lo kuba uyabasondeza, ze atsho ke ukubasenga oku.
Uyakumkhukhuza ke lowo amfumeneyo, akeva ke namanzi ashushu ukunganqandeki tu.
Abahlolokazi kuye bayibhonasi, ehamba namaqithiqithi, khawubukele ke umfo lo eqhuba imoto yomhlolokazi lowo, ingqiniba isika umoya nomculo nawo utsho ngeyona ngxolokazi ethundeza uchuku, uyakunyalasa ke umfo ukuphuma kuloomoto, umhlaba ewukhetha ukuwunyathela.
Nasemizini yabahlolokazi uyakufika ewujikeleza umzi lowo, ungafunga uthi gaqa.
Unxiba iimpahla zodidi kwaye utya ukutya kwegumbi eliphezulu umsondezi ke lo.
Uqhubile ke umfana lo, ephila ke obobomi bakhe buntofontofo kuye kwaye ke bobetshamba.
Esikolweni ke akazange ahlale kakhulu nawe ke unoliqonda itshamba lakhe, kuba athi Amaxhosa “Akukho nto ingelobhongo eqabeni.”
De ke ngenye imini evela emsebenzini, ewe lo wakhe wesinqe suke waphandlwa ngomnye umhlolokazi ogama linguncumisa kanti akalibonanga elizakumkhonxa.
Umfo ke lo uye waswelekelwa ngumama wakhe kwiminyaka edlulileyo kwaye ke umama wakhe wafaka yena kwiipolisi zakhe.
Hay uncumisa wazisa utshintsho kumsondezi lo suke wayimvoco wamthanda de wakhupha namakhadi akhe ebhanki umfana awaqhusheka emabeleni kancumisa.
Baqhuba bethandana phofu ke nayo yaphuma imali kamama wakhe umsondezi, watya tyum uncumisa qha waqhuba ngomana emphathela izinto ezintsha amaxesha amaninzi nezinto zexabiso.
Umsondezi uzoqabuka selekukudala ukuba kutyiwa yena ngulomhlolokazi. Nanko ke umsebenzi wesinqe, sondela ke Msondezi!