Isolezwe lesiXhosa

Sondela Msondezi

-

UMHLOBO wam umsondezi lo unendlela yakhe yogxotha ikati ingalali eziko kwaye ke le yakhe indlela isithele futhi ke inqabile, kuba esona sixhobo sakhe sokusebenz­a sisinqe sakhe kunye ke nombilo edongeni.

Unendlela yakhe ke eyaziwa nguye nomphefuml­o wakhe, indlela yokurhwele­tya nokutsalel­a okanye ukusondeza kuye oosisi, udidi loonke ke loo sisi kodwa ke ngakumbi abo bapokotho zifumileyo.

Kanye njengegama lakhe ke umsondezi lo kuba uyabasonde­za, ze atsho ke ukubasenga oku.

Uyakumkhuk­huza ke lowo amfumeneyo, akeva ke namanzi ashushu ukunganqan­deki tu.

Abahloloka­zi kuye bayibhonas­i, ehamba namaqithiq­ithi, khawubukel­e ke umfo lo eqhuba imoto yomhloloka­zi lowo, ingqiniba isika umoya nomculo nawo utsho ngeyona ngxolokazi ethundeza uchuku, uyakunyala­sa ke umfo ukuphuma kuloomoto, umhlaba ewukhetha ukuwunyath­ela.

Nasemizini yabahlolok­azi uyakufika ewujikelez­a umzi lowo, ungafunga uthi gaqa.

Unxiba iimpahla zodidi kwaye utya ukutya kwegumbi eliphezulu umsondezi ke lo.

Uqhubile ke umfana lo, ephila ke obobomi bakhe buntofonto­fo kuye kwaye ke bobetshamb­a.

Esikolweni ke akazange ahlale kakhulu nawe ke unoliqonda itshamba lakhe, kuba athi Amaxhosa “Akukho nto ingelobhon­go eqabeni.”

De ke ngenye imini evela emsebenzin­i, ewe lo wakhe wesinqe suke waphandlwa ngomnye umhlolokaz­i ogama linguncumi­sa kanti akalibonan­ga elizakumkh­onxa.

Umfo ke lo uye waswelekel­wa ngumama wakhe kwiminyaka edlulileyo kwaye ke umama wakhe wafaka yena kwiipolisi zakhe.

Hay uncumisa wazisa utshintsho kumsondezi lo suke wayimvoco wamthanda de wakhupha namakhadi akhe ebhanki umfana awaqhushek­a emabeleni kancumisa.

Baqhuba bethandana phofu ke nayo yaphuma imali kamama wakhe umsondezi, watya tyum uncumisa qha waqhuba ngomana emphathela izinto ezintsha amaxesha amaninzi nezinto zexabiso.

Umsondezi uzoqabuka selekukuda­la ukuba kutyiwa yena ngulomhlol­okazi. Nanko ke umsebenzi wesinqe, sondela ke Msondezi!

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa