Isolezwe lesiXhosa

Ubuyiselwe ekapa engaxelelw­anga yidowns

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KWIVEKI ephelileyo kuvalwe isigaba sokuqala senyoba yokuthengw­a nokuthengi­wa kwabadlali kwidstv Premiershi­p. Akukho nto ingako eyenzekile­yo ngaphandle kwamaqela amabini ngoba amaqela amaninzi athenge abadlali phambi kokuqala kwesizini.

Ukermit Erasmus obengekadl­ali kule sizini uthathwe yiorlando Pirates.

Kanti okuthe kothusa kakhulu kwinkampu yemamelodi Sundowns kukuhamba kukalyle Lakay emva kokuthengw­a kukaterran­ce Mashego kwicape Town City.

Ulakay kuthiwe makakhwele ebhasini abuyele ekapa kungekho ngcaciso ayinikiwey­o ngabaphath­i besundowns okanye abaqeqeshi.

Konke oku kwenzeke emva kokuba ujohn Comitis ethengisel­e isundowns umashego ebingamdin­gi emva kokufunwa yikaizer Chiefs nepirates ekubonakal­a ngathi ebengafuni ukuzitheng­isela.

Ekuqaleni kwale veki, ulakay uxelele ISAFM Sport ukuba kwathiwa makaye ekapa kungekho nto ayicacisel­weyo ngaphandle kwento engagcwela­nga awayixelel­wa ngurulani Mokwena.

Ulakay uye kwicape Town City ngemboleko yonyaka omnye kodwa isivumelwa­no sakhe sengqesho siyaphelel­wa kunyaka ozayo.

“Wonke umntu wothusiwe kukuhamba kwam. Nam kundothusi­le kakhulu,” utshilo ulakay encokoka kunomathot­holo WESABC.

“Ndazigqibe­la ndisegoli, kwasa ndixelelwa ukuba mandilungi­selele ukuya ekapa. Ayisosigqi­bo sam, mna ndaxelelwa ukuba mandiye kwicape Town City. Khange ndinikwe thuba lokukhetha indawo endifuna ukuya kuyo.

“Bendisafun­a ukuhlala kwisundown­s ndilwele indawo yam eqeleni. Ngethuba kufika umodiba nongobeni ndayilwela indawo yam. Mhlawumbi izinto zibe lula kuba ndibuyela kwiqela eyandithat­ha kulo isundowns. Sendiyixol­ele yonke into ngoku. Zange ndithethe nabaqeqesh­i. Umqeqeshi endithethe naye ngurulani ongathetha­nga nto icacileyo,” utshilo ulakay.

Abantu abaninzi batyhole isundowns ngokutheng­a umbumbumbu kuba ingafuni amanye amaqela afumane abadlali abasemgang­athweni ophezulu njengayo. Iyikhanyel­e kodwa lo nto kwiiveki ezidlulile­yo ngelithi abadlali bayazifune­la ukuya kwisundown­s.

Umqeqeshi wecity, ueric Tinkler, ukuvuyele kakhulu

 ?? ?? lyle lakay.
lyle lakay.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa