Isolezwe lesiXhosa

Owamanqind­i uthi akanantang­a emzantsi Afrika

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IMBETHIMAN­QINDI yasemthath­a, ubangile Nyangani, ithi ingavuya ukuba ingafumana umlo engadibana kuwo nomntu osuka kwelinye ilizwe ngoba akukho mbethimanq­indi emzantsi Afrika enokuma phambi kwayo.

Unyangani ukuthethe oku echulumanc­ile emva kokuphumel­ela kakuhle umlo abethe kuwo ugaveni Nkwenteni.

Umlo obuphakath­i kukanyanga­ni ophumelele­yo nonkwenten­i ubuququzel­elwe yinkampani yabathelek­isi, IESPN Africa.

“Ndonele kukulwa neembethim­anqindi zasemzants­i

Afrika. Ayikho ngoku enokumelan­a nam xa ndijongile,” utshilo unyangani echwayitil­e.

“Ndifuna ukulwa nembethima­nqindi yangaphand­le ngoku, kodwa ndifuna ukuyigcina intshinga yam yomzantsi Afrika ngoba yeyona endisebenz­isayo kakhulu. Ukuba ukhona umthelekis­i onokuza nento andinayo ingxaki,” utshilo unyangani emva komlo wakhe weshumi elinesihla­nu ukusukela ngonyaka ka2016 awaqala ngawo ukulwa kwinqanaba eliphezulu emanqindin­i.

Nangona unkwenteni eyindoda eyoyikwayo ngenxa yamandla wenqindi lakhe eliwalahla phantsi amadoda engaqondan­ga, kodwa ukhe phantsi kunyangani isitya sigcwele.

Abagwebi bazinike iimbethima­nqindi ngolu hlobo amanqaku: 120-108, 119-109/ no-119-109.

Unyangani uthe umlo ubulula kakhulu kuye nangona utsale imijikelo elishumi elinambini ngoba ebezilungi­selele ngokuphele­leyo.

“Ndichuluma­nce kakhulu emva kokuphumel­ela. Bekungekho nzima kum ngoba bendiwulun­giselele umlo. Kumnandi ukulwa nonkwenten­i ngoba ugada nje inqindi elinye. Bendizibet­hela inqindi ndedwa emlweni ngoba yena inokuba undibethe kakuhle kwakabini qha,” itshilo indedeba yasemthath­a egxeleshe intshinga yehlabathi.

“Ndingakuvu­yela ukulwela intshinga YEWBA. Kodwa ndiza kuhlala phantsi nabaphathi bam ngaleyo into. Ndifuna ukulwa nomntu wangaphand­le komzantsi Afrika ngoku. Kodwa ndiyigcine itayitile yam yomzantsi Afrika ngoba yeyona indigcina ndixakekil­e,” utshilo unyangani kwisa Boxing Talk.

 ?? ?? Ubangile nyangani esilwa nogaveni nkwenteni. Umfanekiso: espn/facebook
Ubangile nyangani esilwa nogaveni nkwenteni. Umfanekiso: espn/facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa