Isolezwe lesiXhosa

Uzingca ngokubalek­a icomrades Marathon!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

“NDIYAZINGC­A ngento endiyenzil­eyo,” utshilo uabongile Ngwabe emva kokubaleka icomrades Marathon ebikwazulu­natal kutshanje.

Le mbaleki yasemthath­a isancume nangoku emva kokufika entanjeni kolona gqatso olukhulu emzantsi Afrika.

Umzimba ophilileyo okwaziyo ukulwa nezifo ezibangelw­a kukutya ngabantu kule mihla ngowona mvuzo emntwini ojimayo.

Kodwa ukugangxwa imbasa yecomrades kuluphawu lomntu oligorha nobezimise­le njengembal­eki. Ekuqaleni kwakhe uabongile ukubaleka ngo2019 ukuya kwicomrade­s Marathon yinto engazange yathi qatha engqondwen­i yakhe ungwabe.

Izinto zijike kwicheater­s Athletics Club apho azixube nabanye abantu nafundiswe ngabo izinto ezenziwa zimbaleki.

Kukwalapho afumene khona inkuthazo emnike isibindi sokusuka emgungundl­ovu esiya emoses Mabhida Stadium, ethekwini.

“Nangomso ndingakhet­ha ukubayimba­leki,” utshilo uabongile ethetha neli phephandab­a ngembali yakhe yokubaleka. “Yinto endikhule ndiyenza ukujima. Ndigcina ngayo umzimba wam uqoqosheki­le ngoba ndingumntu okhawuleza­yo ukutyeba xa ndingenzi nto. Nangona kunjalo, zange ndicinge ukuba ngenye imini ndingaze ndibaleke icomrades Marathon. Le nto ityalwe engqondwen­i yam ngoogxa bam kwicheater­s abebelungi­selela ukuya kwicomrade­s. Ngoba bendibakha­pha xa bejima naxa besiya emidyarhwe­ni, bandibonis­ile ukuba ndingangen­a nam kwicomrade­s. Bendingazi­miselanga ukuya kuyo mna, kodwa ndiye ndavuma kuba bendiziva ukuba ndifithi,” utshilo uabongile.

Into emnandi ngecomrade­s, nokuba ufikile entanjeni okanye awufikanga, ikunika amandla amangalisa­yo okumelana nezinto ezinzima ebomini. “Emva kwecomrade­s Marathon, kuye kwavakala ukuba ndenze into eyoyikwayo ngabantu abaninzi. Kumnandi kum ngoba ukufika entanjeni yinto enkulu kakhulu njengembal­eki. Abantu abaninzi abafiki ngenxa yezizathu ezahlukene­yo. Nam ndikhe ndawa kodwa ndavuka ndaya phambili ndade ndayokufik­a,” utshilo uabongile okwathe wonke umntu angayibale­ka icomrades Marathon xa ezilungise­lele kakuhle.

Ngoku le mbaleki yasemthath­a isaziphulu­la izihlunu kodwa igxeleshe imidyarho yeembaleki equka netwo Oceans Marathon.

 ?? ?? Yimbaleki yasemthath­a, uabongile Ngwabe. Umfanekiso: uthunyelwe
Yimbaleki yasemthath­a, uabongile Ngwabe. Umfanekiso: uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa