Isolezwe lesiXhosa

Kutheni upitso ekhethe umsebenzi onzima?

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

KWIINYANGA ezintathu ezigqithil­eyo, upitso “Jingles” Mosimane uye wangumqeqe­shi wokuqala emzantsi Afrika ofumene isatifiket­i esiphezulu (CAF Pro Licence) SECAF emva kwezifundo ezenziwa emorocco kwakulo nyaka.

Konke oku kwenzeke emva kokuba ujingles wagqiba kwelokuba ayishiye ial

Ahly yaseyiphut­ha emva kokuphumel­ela iindebe ezintlanu kwithutyan­a nje leminyaka emibini. Ukusukela ngoko, umosimane ebeziphume­lele ekhaya.

Ngokutsho kwakhe zange adinge qela lebhola ekhatywayo ebenokuliq­eqesha kodwa wagqiba kwelokuba aphumle.

Ngempelave­ki egqithiley­o, umzi webhola emzantsi Afrika wothuswe kukuvakala kweendaba ezithi utyikitywe liqela lasesaudi Arabia ekuthiwa yial Ahli FC.

Lo nto ithetha ukuthi upitso namadoda asebenza nawo afana nokabelo Rangoaga, umui Matlaba nokyle Solomon baza kuntingela esaudi Arabia apho baza kujanyelwa ngumsebenz­i onzima wokunyusa ial Ahli SC ethotyisel­we kwinqanaba elingezant­si kwisaudi

Pro League ekudlala kuyo oompondozi­hlanjiwe.

Ingaba yintoni etsale umdla kapitso kwilizwe elingenama­ndla ebholeni ekhatywayo?

Abaphathi bakhe EMT Sports bathe upitso wayalela ukuba bamkele umsebenzi kwiqela aza kufika enze umahluko obonakalay­o kulo.

Ngokwengxe­lo yamajelo eendaba, ial Ahli SC liqela lesibini ngobudala esaudi Arabia kwaye ukubuyela kwinqanaba eliphezulu kwalo yinto ebalulekil­eyo kubaphathi balo.

Yiyo lo nto bekhangele oyena mqeqeshi ophambili kwizwekazi leafrika.

“Emva kokuba upitso eshiye ial Ahly kwiinyanga ezigqithil­eyo, sifumene izicelo zokumqesha emaqeleni amaninzi aquka namaqela ezizwe. Kodwa wasiyalela ukuba samkele umsebenzi kwiqela aza kushiya umzila kuwo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yimt Sports.

Noxa abanye abantu bengayigin­yi ncam into yokuya kwakhe kwinqanaba elisezants­i esaudi Arabia, yena ulamkele uxanduva.

“Ithuba esilifuman­ayo liyasivuyi­sa kakhulu. Sendingxam­ele ukudibana nabadlali beqela lam elitsha emva kokunikwa uxanduva ngusihlalo weqela. Siza kuzama ngako konke okusemandl­eni wethu ukubonwabi­sa abalandeli ngokwenza imbali eqeleni labo,” utshilo upitso ekulindele­ke amkele isityhwent­ywe semali kwelinye lamazwe atyebileyo ehlabathin­i.

 ?? ??
 ?? ?? Upitso Mosimane esamkela isetifiket­i sakhe (CAF PRO licence) kudr Danny Jordaan WESAFA. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/backpagepi­x
Upitso Mosimane esamkela isetifiket­i sakhe (CAF PRO licence) kudr Danny Jordaan WESAFA. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa