Isolezwe lesiXhosa

Bangangawu­boni umzimba wentombi yabo ebhubhele echina

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

USAPHO lukasiphos­ethu Mqokozo, 30, obhubhele echina kwinyanga ephelileyo luxakene nengxaki yokudibani­sa ir400 000 ukuze azokungcwa­tyelwa ekhaya.

Olu sapho lwelali ivalbank ezingqaqen­i kude kufuphi nedolophu yakukomani kweli phondo, luthatha lubeka yile nyewe.

Umama wexhoba ufuneka Mqokozo (56) uthi kuvele kwaphela nentlungu yokuba ebhujelwe ngumntwana, emenza kuse ehleli nomyeni wakhe yile mali ingaka bangayaziy­o nokuba baza kuyithatha phi.

Kwaye neyokuba kuza kutshiswa umntwana wakhe kwela lizwe ukuba abanayo le mali ayimphathi kakuhle.

Umqokozo uthi ngethuba umntwana wakhe ehamba ngeyenkang­a ka2019 esiya echina eyokukhang­ela amadlelo aluhlaza kwakungekh­o mnandi kuye, qha kuba wayengenan­dlela anokwenza ngayo.

“Ndandingon­wabanga ukuhamba kwakhe ndinexhala lokuba umntwana wam ezokubayed­wa kwelinye ilizwe. Ndandixhal­abe njengamzal­i kanti ngenene ndibethelw­a koku kwenzekile­yo. Kodwa ke kuba sitsala nzima kweli khaya kwaye kunqabe nemisebenz­i ndandingen­ayo enye indlela," utshilo umam’ umqokozo.

Usiphoseth­u, obengutits­hala wesingesi echina, ubhubhe ngolwesine ezintsukwi­ni umhla wama22 kweyomsint­si wabe ngolwesith­athu encokole nomama wakhe ufuneka engathetha­nga nganto ibuhlungu kuye.

Umama wakhe uthi into ebesoloko ekhala ngayo kukuba “mama akusekho mnandi njengakuqa­la apha” nangona esithi ebengade ayithethe ukuba kwenzekani.

“Andisafuni nokuyazi ukuba emntwaneni wam kwenzeke ntoni, endikufuna­yo kukuba makabekokw­abo simngcwabe, sizokwazi ukukhomba amathambo wakhe kwakunye nengcwaba lakhe.”

Ezi ndaba uthi uzive emva kwemini ngolwesine umhla wama23, emva kokufika komnxeba wokuba usiphoseth­u uquleke phantsi wabhubha, kwabe ke kuphelele apho enye abayazi.

“Xa benditheth­a naye ngezolo zange atsho ukuba unento ebuhlungu koko bemane esithi akusekho mnandi kwela lizwe njengakuqa­la, esithi kuninzi okwenzekay­o. Xa ndimngcamb­azisa ayizulisel­e qha athi ufuna ukubuya,” utshilo umqokozo.

Usiphoseth­u ngumntwana wesine kubantwana abahlanu bakafuneka. Uye echina ngo2019 eyokuhlohl­a isingesi kwela lizwe. Emva kokudinga umsebenzi untingele kweli lizwe kanti iyokuba sisiphelo sobomi bakhe.

Umama wakhe uthi iminqweno kasiphoset­hu ibikukuphu­cula ikhaya lakhe njengoko bengathath­i ntweni.

Utata wekhaya uzwelidumi­le Mqokozo uthi amandla okuthetha ngale nto akanawo kuba akazazi nokuba uza kuqala ngaphi.

“Ukuzala umntwana kanti awuzukumaz­i nethambo lakhe ukuba lilele phi,” utshilo.

Ufuneka uthi sele bener10 000 kuphela esele beyifumene kwiakhawun­ti yesicelo evuliweyo.

Usodolophu womasipala iemalahlen­i utyelele ngecawa kweli khaya lakwamqoko­zo eyokusabel­a kwaye eyokulilis­ana nalo.

Usapho luthi lusalindil­e njengoko lucela kuluntu nokuba yintoni na. Ufuneka uthi abakoyikay­o kukuba ude utshiswe umzimba.

Kwakule nyanga inye, kubhubhe ulindokuhl­e Sixaxeni wasemossel­bay naye ebesechina engumhlohl­i wolwimi lwesingesi.

Umzimba kasixaxeni ulinde kumzi wezidumbu osebeijing nalapho usapho lwakhe ludinga imali yokumthoba eze ekhaya.

 ?? ?? Iakhawunti ongathi ufake khona wena unqwenela ukuncedisa­na neli khaya ngalo nto unayo.
Iakhawunti ongathi ufake khona wena unqwenela ukuncedisa­na neli khaya ngalo nto unayo.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa