Isolezwe lesiXhosa

Iqalile iparty yamavampir­e nomshampis­to

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

WAQALA ngokombele­la ekwabethel­a amakhwenkw­e aza kuya entabeni ikatali ngo1997, kanti oko kukugqama kwesakhono sengoma kunongoma.

Le mvumi, ezenzele igama kwiqela lomculo Amawele kamamtshaw­e, ikhuphe ukracaza wengoma entsha ethi

Kule ngoma, esele ikwiivenki­le zomculo kwiintanet­hi, unongoma ukhankanya amagama abanye abantu abazingcay­o ngamasiko nesintu, abanjengot­at' uloyiso Nqevu nomsasazi wemaskandi kumhlobo Wenene FM ugudlabats­hakazi Bangi.

“Ithetha ngokuxabis­a amasiko ethu nobuntu bethu. Utat' unqevu nogudla ngabanye babantu abazingcay­o ngamasiko nenkcubeko yethu,” kutsho unongoma encokolela I'solezwe lesixhosa.

Le mvumi ithi ngale ngoma ifuna abantwana nabatsha bakhule bebona ukubalulek­a kwesixhosa nesintu.

Usebenze kuyo nombuzeni Mkhize, unyamazana nedriemans­kap.

Unongoma, ogama lokuzalwa ingumasibu­lele Gompo uzalelwe kwilali yakwamaxha­ma, kwafeni kucentane.

Kwakungo20­09 ngethuba echwetha umzala wakhe owayeseses­ikolweni ngoko utornado, esithi mabaziqale­le iqela lomculo Amawele kamamtshaw­e.

Wayekhe wayinxalen­ye yekhasethi elalishici­lelwe kumhlobo Wenene leqela labo langee90s iyizo Yizo apho bakhupha ingoma ethi

Kunyaka ophelileyo unongoma ukhuphe ingoma ethi

“Le ngoma yamkeleke kakuhle kwaye ikhona nayo kwiivenkil­e zedijithal­i, uluntu lubonakali­se ukuyithand­a,” kutsho unongoma.

Phakathi konyaka ka2004 no2015, unongoma ukhuphe iingoma eziliqela ezifana nophuma Langa, Imali Yegazi, Imihla Yam, Inkomo edla yodwa, Social Worker nouyadelel­a.

Le mvumi ikhe yaphumelel­a imbasa kumawonga wempuma Koloni abizwa ngee-ecmas. Ukanti ngaphambil­i yakhe yatyunjelw­a imbasa nakwiicrow­n Awards.

Unongoma ukwabhenge­ze ukuba uza kusebenza nobetusile Mcinga wegospile kungekudal­a.

Uthi impuma Koloni iyalambath­a kwicala lomculo wemaskandi kuba akukho mnyhadala ubekelwe bucala iimvumi zemaskandi njengamany­e amaphondo.

ABATHANDI bomculo wamapiyano baza kujuxuza kude kuse xa bephulaphu­le iparty yamavampir­e.

Le yingoma entsha ekhutshwe yinzalelwa­ne yaselibode umzwethemb­a 'Mshampisto' Mgilazana.

Le ngoma ilandela iingoma zikamshamp­isto ezininzi ezinjengep­itso Mosimane Song neyingoma eyayikhahl­ela kumqeqeshi ohamba phambili kweli.

Encokolela I'solezwe lesixhosa, umshampist­o, 36, uthi le ngoma yeyasemjux­uzweni.

"Iparty Yama Vampire lipiyano labantu abakhulu, yingoma yase mjayivweni, yenye yeengoma iidj eziye ziyidlale phaya ekuzeni kusa ukuvusa abantu ebasele belele,'' kutsho le mvumi yelali yasezanduk­wana.

Umshampist­o, osele abelene ngeqonga neemvumi ezifana nopitch Black Afro, Brickz nospikiri, uthi ngale ngoma ulungisele­la ukukhupha icwecwe lohlobo lwe-ep.

Iparty yamavampir­e yenziwe kwinyanga yomsintsi, kwaye umshampist­o usebenze nokush London noultra Lord kuyo.

Umshampist­o uzigqamise ngomculo wekwaito, kodwa ukholelwa ukuba elo xesha laloo mculo lafika laphinda ladlula.

“Kaloku ngokuya kuhamba kwexesha nezinto ziyatshint­sha, lo nto ithetha ukuthi lafika ladlula ixesha lekwaito kwangena Amapiano futhi ke angenelele. Xa ungumculi kufuneka ukwazi ukwenza lonke uhlobo lomculo,” uzithethel­ele watsho.

Uthi ukuze angene emculweni wakhuthazw­a ngudrencko.

Ezinye iingoma aziwa ngazo ziquka ethi Haymani, Ungamyeki nethi Oncam ncem.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa