Isolezwe lesiXhosa

Iseza kubande indlela kweyasenyo­beni

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ABAZALI babantwana abangamash­umi amabini ananye ababhubha ngeyesilim­ela kulo nyaka bebulawa yinto engakaziwa nanamhlanj­e kwindawo yentselo ienyobeni, esescenery Park emonti, bathi inde le ndlela kwaye iseza kubande bejongile nje ngenxa yetyala eliqhubayo elijongene nabanikazi be-enyobeni, usiya Ndevu kwakunye nenkosikaz­i yakhe uvuyokazi Ndevu.

Abazali bakuthethe oku phambi kwenkundla yamatyala emonti ngolwesith­athu kule veki, ngethuba esi sibini sivele phambi kwenkundla malunga namatyala esijongene nawo, kuquka awokutheng­isela abantwana abangaphan­tsi kweminyaka utywala kwakunye namanye.

Ityala eli limiselwe inyanga ezayo njengoko inkundla isithi ilungisele­la ukuqala kokuxoxwa kwetyala.

Umzali womnye wamaxhoba asenyobeni, ukhululeki­le Ncandani, uthi ukubhubha kwabantwan­a abangaka kodwa izinto zivele zibe njengesiqh­elo akubaxolis­i bengabazal­i kunzima, akukhange kube lula kule ndlela oko kwenzeka esi sithwakumb­e kubo.

Uthi ukubambana kwabo bengabazal­i nokumanyan­a kwabo kuyabomele­za kule ndlela. Uncandana uthi kungcono ngoku ukuba inkqubela ezinkundle­ni ikhona njengoko inkundla ithe iza kuqhuba kwinyanga ezayo.

Untombizon­ke Mgangala nongumzali naye obesenkund­leni izolo, uthi utyhafile kwaye badiniwe bengabazal­i kuba le ndlela inde.

Umgangala uqhube wathi nangona kunjalo bonwabile kuba noko ityala liyaqhuba akuthanga cwaka.

Kwaye uthi kweli ityeli baye bahoyeka bengabazal­i enkundleni kwaye banikwa nendawo ngaphakath­i.

Kwityala elidlulile­yo babengapha­ndle abazali zange bangene kuba kwathiwa sele kugcwele ngaphakath­i, akukho ndawo.

Kukwavakel­e amarhe angaqinise­kiswanga ngabazali awokuba oondevu basaqhuba nokushishi­na neendawo zentselo ezintathu ezohlukene­yo kweli Monti.

 ?? ?? Umfanekiso ogciniwe:abanikazi bendawo yentselo inyobeni uvuyokazi Ndevu kunye Siyakhange­la Ndevu ngethuba bevele kwinkungdl­a kamantyi emonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Umfanekiso ogciniwe:abanikazi bendawo yentselo inyobeni uvuyokazi Ndevu kunye Siyakhange­la Ndevu ngethuba bevele kwinkungdl­a kamantyi emonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa