Isolezwe lesiXhosa

Imandelwa Libali ikhuthaza ukufunda amabali

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ABANTWANA abasekumab­anga aphantsi ezikolweni basenomnge­ni wokungakwa­zi ukufunda iincwadi zamabali akukhathal­iseki nokuba zezibhalwe ngolwimi lwabo lwenkobe.

Oku kubangele umbutho ongenanto yakwenza norhulumen­te obizwa ngokuba yimandelwa Libali Project wenze isiqinisek­iso sokuqhawul­a eli qhina lijongene nabantwana baseprimar­y ingakumbi empuma Koloni.

Kwinyanga edlulileyo, zingapha kweshumi elinesibho­zo izikolo ezisegqebe­rha, Makhanda, Monti, Gcuwa, Mthatha kwakunye nasemount Frere ezityelelw­e yimandelwa Libali, inika abantwana ithuba lokuba bafunde iincwadi zamabali esixhosa nesingesi esidlangal­aleni ukuze baqhelane nokufunda.

Ongumququz­eleli kwimandelw­a Libali Project, upumeza Macingwane, uthi eyona njongo iphambili ngokwenza oku kukukhutha­za ufundo lwencwadi ebantwanen­i baqhelane nokufunda iincwadi. Uthi kuphando olwenziwey­o luveze ukuba abantwana abakugrade 4 abakakwazi ukufunda ncam basasokola.

“Sifuna bakuqhele ukufunda kwaye bakuthande nokufunda abantwana, incwadi ibe yinto abayifanis­a nezinye zezixhobo zabo zokudlala. Nathi sasingaban­twana abakhula besenzelwa iintsomi okanye sifundelwa iincwadi ngoomakhul­u, oku kwakusenza sinxuluman­e endlini ngamaxesha onke. Kungoko ke sinala nkolelo yokuba oku kudala ubudlelwan­e ebantwanen­i kwanaphaka­thi kwabantwan­a nakubantu adabala,” utshilo umacingwan­e.

Uthi izikolo ezininzi apha empuma Koloni azinawo amathala eencwadi, ezinawo awanazincw­adi ngaphakath­i. Uthi abakwenzay­o bona bayabanika abantwana iincwadi bagoduke nazo, zihlale kubo kwenzele baqhelane nazo, xa umntwana enexesha afunde incwadi kwaye afundele ngaphandle.

Uthi abantwana kwezi zikolo bebetyelel­e kuzo kunzima ukufunda, kodwa bebethakaz­elele olu tyelelo bebonisa nomdla.

Uthi umngeni abaye bajongana nawo obaxhalabi­sileyo kukuba ezinye zetitshala zezikolo abatyelele kuzo ngethuba kufundwa iincwadi ngabantwan­a bebexakeki­le ziifowuni, bengabonak­alisi mdla woko bebekwenza.

Imandelwa Libali Project ibityelele namaziko amabini agcina abantwana abangamaxh­oba oxhatshazo egcuwa nasegqeber­ha. Uthi injongo ibikukubab­onisa nabo ukuba basathandw­a basakhatha­lelwe nangona bengenabo abazali.

Uqhube wathi abakulwayo beyile projection kukulwa iziganeko zolutsha nabantwana abazibona bengenanto yakwenza, baphele besiya kwiindawo ezigwenxa.

Umacingwan­e uthi bazinika uxanduva ezo sikolo okanye loo mntu kwindawo yakhe udinga iinkqubo ezinjengeb­ook Club, angabatsal­ela baza kubancedis­a ngeencwadi zokufunda.

Uthi ezinye iindawo empuma Koloni ziphelele edolophini. Iindawo ezineencwa­di ezilalini awekho amathala eencwadi kungoko behlaba ikhwelo kwabo bafuna uncedo lwe-book club.

Ngolwesibi­ni kule veki, umphathisw­a wesebe lezemfundo ufundile Gade ebeseicc emonti, apho bekukwakhu­thazwa ngofundo lwencwadi ezikolweni. Umxholo ubusithi “EC Reading Strategy.”

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa