Isolezwe lesiXhosa

Ugqomo ebedibanis­a iintlambo ezalanayo

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

IQABANE kwianc, unkosifiki­le Nophemba Gqomo (48), obhubhe ngobusuku bangomvulo umhla wesithathu kule veki, uya kukhunjulw­a njengalowo obenesakho­no kwezonxibe­lelwano, kwaye ekwanaso nesakhono sokudibani­sa iintlambo ezalanayo ngaphakath­i embuthweni, nanjengoko ebeliciko kwaye engumntu wabantu, ngokutsho kweanc.

Lo mbutho uthi ukubhubha ngesaquphe kweqabane lawo kothusile kwaye bekungalin­delekanga.

Oyintloko kwezonxibe­lelwano kwianc empuma Koloni, ugift Ngqondi, uthi bakuthabat­hisa kwiinyawo zikagqomo njengoko ebengumzek­elo.

“Siyalila kuba besimthand­a unophemba, kwaye sikwalilis­ana noluntu obelumthan­da kuquka nelizwe lakhe ebelimthan­da. Siyakutyal­a Nophemba, ngokuncama konke okwakho usebenzela isizwe,” kutsho ungqondi.

Ugqomo, oyinzalelw­ane yakuqumbu, wazimanya nokulwela inguqu ngeminyaka yoo80 esungula umbutho wabafundi, icongress of South African Students (COSAS) kummandla owawusaziw­a ngokuba yitranskei ezinikele, elwela inkululeko.

Ukwabonaka­lise izakhono zakhe zonxibelel­wano ezigqwesil­eyo kwianc Youth League Provincial Executive Committee, nekulapho wade wonyulwa njengesith­ethi SEANCYL.

Ugqomo ebesele ngoku elilungu lekomiti kasodoloph­u (MAYCO) kumasipala wesithili IOR Tambo emva kolonyulo loorhulume­nte basemakhay­a. Uye waphinda wonyulwa njengonong­xowa wengingqi WEANC EOR. Tambo kwinkomfa yomnga ka2021.

I-ANC ikwadlulis­e amazwi ovelwano kusapho lukanophem­ba, izihlobo kwakunye noogxa bakhe kwilizwe lonke jikelele.

Ugqomo wayekhe walilungu lepalament­e eliphezulu kumbutho ophikisayo icongress of the People (COPE), ekwasisith­ethi salo mbutho phakathi komnyaka ka2009-2011.

Ugqomo ufundisile kwaye wakhulisa abaninzi kwezonxibe­lelwano, kuquka neentathel­i zesikhulul­o sasekuhlal­eni ikhanya Community Radio esegcuwa, esesisithe­thi KWICOPE.

Inkonzo yakhe yomngcwabo ayikabheng­ezwa.

Lala ngoxolo Nophemba! Lala ngoxolo Nxotwe!

 ?? ?? Obelilungu LEANC unkosifiki­le Gqomo.
Obelilungu LEANC unkosifiki­le Gqomo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa