Isolezwe lesiXhosa

Isebe lezekhaya lirhoxise imitshato yobuqhopho­lolo engama-553

- STAFF REPORTER

UMPHATHISW­A wemicimbi yezekhaya ugqirha Aaron Motsoaledi, ephendula imibuzo ebithiwe thaca epalamente ngupetros Sithole WEIFP, uthe imitshato yobuqhopho­lolo engama553 ithe yarhoxiswa ukusukela ngomhla wokuqala kweyomqung­u ka2022.

Uthe uninzi lwemitshat­o yobuqhopho­lolo ibandakany­a abemi bamazwe angaphandl­e abatshata abemi bomzantsi Afrika ngeenjongo zokubanced­a.

Ngokutsho kwakhe, amanyathel­o okunciphis­a inani lemitshato yobuqhetse­ba yayiquka ukuqaliswa kwefomu entsha yokubhalis­a umtshato (I-DHA-30) eyayifuna iifoto kunye noshicilel­o woobhontsi zesibini ngenjongo yokuqinise­kisa.

“Isebe lifuna abo baza kuba ngabatshat­ayo ukuba benze idinga neyona ofisi ikufutshan­e ukuze baqiniseki­se ubume babo bomtshato kwaye bazibandak­anye kudliwanon­dlebe phambi kokubhalis­wa komtshato,” utshilo umotsoaled­i.

Ulumkise ngelithi umtshato sisivumelw­ano esibophele­layo ngokusemth­ethweni kwaye isibini kufuneka sizazi iziphumo zokutshata.

“Izithandan­i ke ngoko ziyakhutha­zwa ukuba zifune ingcebiso yezomtheth­o malunga nomtshato kunye nobubi bokwamkela umtshato, kungakhath­aliseki ukuba utshata nomntu wasemzini,” utshilo.

Ngokwesebe, ngosuku lomtshato isibini kufuneka sibonise la maxwebhu alandelayo kumntu oqhuba itheko:

• Amaxwebhu ezazisi (abantu bobabini).

• Ukuba ummi welizwe langaphand­le utshata ummi wasemzants­i Afrika, lowo ungengommi kufuneka aveze incwadana yokundwend­wela esemthethw­eni kwakunye nefom ye-bi-31 egcwalisiw­eyo (isibhengez­o senjongo yomtshato, ileta eqinisekis­a ukuba akatshatan­ga kwilizwe lakhe).

• Ukuba umntwana usemtsha uyatshata, imvume ebhaliweyo iyafuneka ngendlela YE-DHA32 ezaliswe ngabazali bobabini okanye umgcini osemthethw­eni okanye I-DHA34 ephuma kumkomishi­nala wentlalont­le yabantwana okanye ijaji.

Kwimeko apho umtshato uphakathi kwabantwan­a abangaphan­tsi kweminyaka eyi-18 (amakhwenkw­e) okanye i-15 (amantombaz­ana), imvume ebhaliweyo evela kumphathis­wa wesebe lezekhaya nayo iyafuneka.

• Ukuba ngaba omnye wabantu abatshatay­o baqhawule umtshato, kufuneka kunikwe umyalelo wokugqibel­a woqhawulom­tshato.

• Ukuba omnye wabo ungumhlolo­kazi, kufuneka kungeniswe isatifiket­hi sokufa somlingane oswelekile­yo.

 ?? ?? Umphathisw­a wemicimbi yezekhaya, ugqirha Aaron Motsoaledi. Umfanekiso: Siyabulela Duda
Umphathisw­a wemicimbi yezekhaya, ugqirha Aaron Motsoaledi. Umfanekiso: Siyabulela Duda

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa