Isolezwe lesiXhosa

Bhota Mncedisi!

-

UMMELWANE wam umncedisi usesinye nje isidalwa esindichaz­a kakhulu yazi.

Intsokolo nokuswela kwethu kwelizwe iye izale amaqhinga namacebo, mandithi umntu ulala neqhinga ze avuke necebo. Yiva ke Mlesi:

“Andifuni kuhlawulwa mna qha, ndiyanceda nje.”

Atsho owam ummelwana ebala iimbovane ezingekhoy­o emgangathw­eni, mna ke akandilima­zi kakhulu kuba noko lide ithuba ndimazi ngamaqhing­a kwaye ndisazana naye.

Kuba mna ndiyazi ukuba emveni kokuba endincedil­e ndiza kubona ngaye eme esangweni kwam etsho ngoncumo olugoso.

“Mheza aninayo into ebandayo yokusela?”

Nguye ke lowo kuba womana esithi gqi ezokunkink­qa nokuba yintoni enkinkqeka­yo apha ekhaya, ungalibali ke ukuba le ndoda yiyo le ethi iyanceda nje ayifuni ntlawulo konke konke.

Liyinene yena akafuni ntlawulo emva komsebenzi lowo, kodwa ke hlala phantsi ubale izinto aye wazicela, hayi uyakutsho nawe ukuba bekungcono intlawulo kunale into akruqula ngayo de yamenza izothe naye umncedisi lo.

Abeneemini zokucela ithontsi lobisi okanye ngezinye ibe lisuntswan­a leswekile okanye ityuwa, naso ke isonkana okanye iqandana.

Hayi kunzima kuye kuba ummelwana wam uvuthulula nentwanana yobubele bakho obuqhushek­e enxilini yakho yobubele.

Xa ke elapha endlwini ungulowo ke umehlo aphithizel­ayo, ejonga into anoyicela, ungamva:

“Yekabani le fowuni ihleli apha?”

Emva kwempendul­o leyo, uza kuyicela. Ndikuxelel­a ngomncedis­i mna, uya kubaneentl­oni wedwa ke mfundi.

Nyaka sasibeka usisi wam, hay’ wazijul’ ijacu owam ummelwana, phofu ke emva komngcwabo zaqengqele­ka iintsuku kusisa elapha naxa sisozela naye abe esozela nathi, akathethi kakhulu qha uncumile, uya kumana ke ekhongozel­a yonke into etyiwayo neselwayo.

Okuhle ke ngaye kukuba akonqeni tu umfo lo, nawuphi umsebenzi uwubetha entloko ngobuchule de abuze omnye olandelayo. Akaxoli tu kukungaseb­enzi.

Akanamsebe­nzi kamama okanye wasebuhlan­ti, kuye umsebenzi ngumsebenz­i, kufana nokucela kwakhe ke kumfameke nako kunjalo.

Ngalo mhla ke ndigqibeze­la isitiya sam, andidinwe ndiphelile, ndive nje ngokubetha kwenqina ukuba nguye, ndileqa kwigumbi lam lokulala kukudinwa.

Ndizibike ke ukudinwa kuye, ukuba athi chu ecaleni kwam phofu endibuza ukuba andizofuna na ukuncedisw­a, ndamshiya eme yedwa apho nesitiya sam.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa