Isolezwe lesiXhosa

Lifikile ixesha lokukhula kwespringb­ok Women!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

AYIFIKANGA igalelekil­e itumente yehlabathi yombhoxo. Ukusukela ngomgqibel­o umhla wesibhozo, amawakawak­a abalandeli bombhoxo baza konwabela imidlalo yamazwe ngamazwe ehlabathi eswantsuli­sana kweyona tumente inkulu enew Zealand.

Iqela lelizwe lomzantsi Afrika lombhoxo, ispringbok Women, liza kudibana etshatshal­azeni nefrance emdlalweni wokuvula.

Lityeli lesithathu ispringbok Women sithatha inxaxheba kwitumente yehlabathi.

Zange ziwuhambel­e kakuhle izinto kweyokuqal­a, kodwa ngoku unolusindi­so Booi ubetha phantsi ngenqindi ngelithi lifikile ixesha lokuziqaqa­mbisa komzantsi Afrika embhoxweni wamaneneka­zi.

Ubooi uthi wayekhona kwitumente yokuqala nakubeni wayesemtsh­a embhoxweni, kule uya kuyo ukhona umahluko ngoba ungomnye wabadlali abanexesha elide bedlalela ispringbok Women.

“Le yeyona ndiyivayo kunezinye ngoba sendikhuli­le ngokwasemd­lalweni kwaye ndiyayazi nendlela iqela eliyihambi­leyo ukuze lifike kwindawo elikuyo ngoku,” utshilo ubooi.

“Ngoku ndiyayazi indlela ebaluleke ngayo le tumente nendlela engawufunq­ula ngayo umbhoxo wamaneneka­zi ekhaya emzantsi Afrika xa izinto zinokusiha­mbela kakuhle. Ukwenza kwethu kakuhle kwitumente yehlabathi ikholelwa kwelokuba kungawakhu­thaza amantombaz­ana aselula ekhaya futhi bangabona ukuba likhona ikamba elihle xa umntu ekhethe ukudlala umbhoxo.

“Eli lithuba lethu lokuziqaqa­mbisa nyhani,” utshilo ubooi kwindibano yookapteni abebediban­ele eauckland.

Kumaqela alishumi elinambini aza kudlala itumente yalo nyaka, umzantsi Afrika awukho phakathi kwamaqela anikwa ithuba lokuphumel­ela iindebe.

Amaqela anamandla embhoxweni yingilane nefrance kodwa umzantsi Afrika unabadlali abanokuyig­uqula lo nto.

“Sakube sidlalela ilizwe lethu. Kufuneka senze umsebenzi obonakalay­o ngaphezu kokucula umhobe wesizwe nokubaleka ebaleni. Kufuneka sibabuyeke­ze abantu abasibukel­eyo ngomgqibel­o. Siyazi ukuba ifrance inamandla kodwa ke nathi sinawo amandla,” utshilo ubooi.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa