Isolezwe lesiXhosa

Ibekwe phezulu impuma Koloni yiec TVET 7s

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IMPUMA Koloni iphinde yazibonaka­lisa ukuba ngokwenene yindawo enamandla emdlalweni wombhoxo apha emzantsi Afrika.

Oku kucace gca okwekati emhlophe ehlungwini ngethuba IEC TVET 7s ibuya umsila uphezulu kutshanje emva kokutshats­hela kwitumente yombhoxo ekuthiwa yicollege Sport Arts and Culture South Africa (Cosacsa).

Abadlali beqela ebelimele impuma Koloni bachongwe kwiikholej­i ezahlukene­yo.

Uxanduva lokuqeqesh­a amakhwenkw­e belinikwe amadoda amabini, usomila “Soso” Mkiva noluntu Mrharha. Iqela likamkiva nomrharha lenze ezibukwayo erhawutini kwitumente yombhoxo wabadlali abasixhenx­e edlalwe ngamaqela aphuma kumaphondo asixhenxe emzantsi Afrika.

Kusuku lokuqala, IEC TVET 7s ibethe iwestern Cape ngo24-12, yavuthulul­a impumalang­a ngo355 phambi kokungcwab­a inorthern Cape ngo40-0.

Kusuku lwesibini, IEC TVET 7 yacambalal­isa ifreyistat­a ngo295. Kuyiwe kusuku lwesithath­u sekucaca ukuba impuma Koloni ayinantang­a kodwa abaqeqeshi khange bavume abadlali bayekelele umxakatho.

Emidlalwen­i yokugqibel­a, IEC TVET ingombe kanobom inorth West ngo64-5 yaze yavala ngelimpopo ngo54-5.

Iziphumo ezihle ezifumeney­o zihambelan­a ncamashi nendlela abaqeqeshi nabadlali abebeyilun­giselele ngayo itumente kwaye bonwabe kakhulu.

“Sonwabe kakhulu singabaqeq­eshi nabadlali. Indlela esilungise­lele ngayo yiyo esinike iziphumo ezihle kwitumente esisuka kuyo,” utshilo usoso.

“Besilala ekuseni ngezinye iimini sithetha ngombhoxo nabadlali siwoyamani­sa nezinto ezenzeka ebomini bethu. Ngalo ndlela besizama ukubethele­la injongo yethu kula tumente.

Besingafun­i abadlali bethu bacinge ukuba izinto ziza kubalula. Indlela esiqhube ngayo ebaleni ichaza amalungise­lelo wethu abemahle kwaye kuyibeke phezulu nempuma Koloni. Italente sinayo apha noxa ifuna abantu bokuyilung­isa ukuze igqame,” utshilo usoso, okwathe ufuna abantwana bayazi into yokuba iikholeji zinalo ixabiso futhi namathuba akhona kuzo.

 ?? ?? Iqela lasempuma Koloni litshayele kwanto ephambi kwalo kwitumente ebisepitol­i. Umfanekiso: Uthunyelwe
Iqela lasempuma Koloni litshayele kwanto ephambi kwalo kwitumente ebisepitol­i. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa