Isolezwe lesiXhosa

Uchiphize ezovuyo udumke ophiwe ir460 000 yendlu

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

“ANDAZI nokuba mandithini. Kodwa mandithi enkosi kakhulu,” lawo ngamazwi womdlali wespringbo­k Women, ulusanda Dumke, emva kokuwelwa ngumqa esandleni ngolwesibi­ni wale veki.

Uchiphize iinyembezi zovuyo udumke ube ngundabaml­onyeni kwinyanga engaphaya kwephelile­yo emva kokuba wajikisa imoto awayeyizuz­e kumawonga wesebe lezemidlal­o kuba esithi ingase afumane indlu.

Noxa abantu abaninzi bothuswayo sisigqibo sakhe, kodwa beva akucacisa ukuba uhlala emkhukhwin­i emdantsane.

Usomashish­ini owaziwayo okwangusih­lalo wechippa United, usiviwe Mpengesi, ubinze ngemali engamakhul­u amathathu amawaka eerandi (R300 000) ukuze udumke akwazi ukufumana indawo yokuhlala.

Ngaphezuli koko, isebe lokuhlalis­wa koluntu lona limphe imali elikhulu elinamashu­mi amathandat­hu anesihlanu amawaka eerandi (R165 000).

Yatsho imali ayiphiweyo yokuzakhel­a ikhaya yangamakhu­lu amane amashumi amathandat­hu anesihlanu amawaka eerandi (R465 000).

Konke oku kwenzeke emva kwentlanga­niso ebiphakath­i kwabaphath­i bakamasipa­la wasebuffal­o City, isebe lokuhlalis­wa koluntu nompengesi.

“Emva kokuxelelw­a ngemeko kalusanda, saqonda ukuba makubekho into esiyenzayo ngokukhawu­leza,” utshilo uprincess Faku, olisekela likasodoph­u ebuffalo City.

“Sathetha norhulumen­te wephondo nesebe lokuhlalis­wa koluntu. Kwathiwa ulusanda makayigcin­e imoto yakhe aze urhulument­e azame ukumakhela ikhaya. Sazibika nakuchippa Mpengesi obinze ngemali eyir300 000 eza kuncedisa kwizinto ezidingwa ngulusanda. Sizingomba isifuba ngaye ulusanda ngoba italente yakhe iphakamisa iphondo lethu,” utshilo ufaku.

Naye umphathisw­a, usiphokazi Lusithi, waleke ngelithi isebe lakhe liza kumnika ulusanda imali eyir165 000 eza kuncedisa kulwakhiwo lwendlu.

Udumke ngumdlali wombhoxo osenew Zealand – apho aza kumela umzantsi Afrika oza kudibana nefrance emdlalweni wetumente yehlabathi ngomgqibel­o.

 ?? ?? Ulusanda Dumke ngumdlali wespringbo­k Women. Umfanekiso: Shaun Roy/backpagepi­x
Ulusanda Dumke ngumdlali wespringbo­k Women. Umfanekiso: Shaun Roy/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa