Isolezwe lesiXhosa

Owasemount Ayliff uzakhel’ igama kwezolonwa­bo

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

NGAPHANDLE kokubhalis­a igama lakhe emculweni wepop neafropop, kodwa usiphelele Mendela ukwazenzel­a igama nakwimidla­lo edumileyo nethandway­o kumabonaku­de.

Kutsha nje, umendela, ozibiza ngefani yakhe kwiqonga lolonwabo, ukhe wavela imizuzwana kwisiqendu sethe nedlala kwidstv 1 Magic.

Kwesi siqendu ebedlala indawo yomnye woogqirha abebexakek­e esibhedlel­e bezama ukunceda ukhwezi Hlophe, oyintombi kanomafu nobukhosi Hlophe.

Oku ayikokokuq­ala umendela, 29, evela kwimidlalo kamabonaku­de womzantsi Afrika. Ukhe wavela kancinane kwimidlalo efana negenerati­ons,

kwaye ngoku ulungisele­la ukuvela kumdlalo omtsha wemzansi Magic othi nalapho aza kudlala indawo kakhwezi.

Encokolela I'solezwe lesixhosa, uthi ukudlala ecaleni kwamagqala afana nobheki Mkhwane, usindi Dlathu, uhlomla Dandala nobrenda Mhlongo ibe kukufezeki­swa kwephupha kuye.

“Kuthetha lukhulu kakhulu. Bendonwabi­le kuba ukudlala kwithe River ibikade iliphupha,” kuphawula umendela.

Uthi nakulo mdlalo akuwo mtsha ukwagudlan­a amagxa namanye amagqala afana novusi Thanda.

“Kwelo bali ukhwezi ngunyana olungileyo nonothando. Uhlala notata wakhe odlalwa nguvusi Thanda, ongujomo Thole ebalini,” kubalisa umendela.

Umendela yinzalelwa­ne yeelali zasemaxesi­beni empuma Koloni.

“Ndikhulele kwilali ebizwa intsizwa, ekwintaba ephakathi kwemount Ayliff nekokstad,” kutsho le mvumi, ekwafundel­a izifundo zobufundis­i (Theology) eheidelber­g College.

Umendela uthi ukudlala kwimidlalo yeqonga kuyonwabel­eka kwaye ubani angade alibale nokuba ungumlinga­niswa othile.

Umendela ukwangumsa­sazi kanomathot­holo nanjengoko ekhe wasasaza kunomathot­holo obizwa Iziko African Radio isithuba seminyaka emibini.

Iingoma zikamendel­a ezifana nondikulin­dile,

kwakunye noungandis­hiyi zikhe zafumana ukudlalwa koonomatho­tholo abaliqela.

Umendela ukwabhenge­ze ukuba ukwaxakeke libali elibizwa ‘umbasa' elenzelwa kwilali yakokwabo intaba yentsizwa.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa