Isolezwe lesiXhosa

Babuya bephilile kodwa abafundi nto abakhwetha ehlathini

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

EMVA kokuba isebe lezemfundo lifumanise ukuba amakrwala xa ebuya esuthwini aye afike angakwazi kuziphatha ezikolweni, angabingom­zekelo mhle, libone ukuba malibambe iphulo elakuthi libuyisele izazela kwanezidim­a, phulo elo libizwa ngokuba yiboys/ Amakrwala Programme.

Isebe lithi la makrwala xa ebuya esuthwini awaphathek­i kwaye ayaxhaphaz­ana ewodwa.

Okuveliley­o kukuba abuya enendelelo engasafuni nokukhulul­a iikepusi, iibhatyi ngaphakath­i egumbini lokufundel­a kwaye abenetshik­i yokungafun­i nokuthunyw­a. La makrwala kukwavele nokuba amanye awo ayeka phakathi nasesikolw­eni.

Oku kubangele ukuba isebe lishukume kwangethub­a. Eli phulo belibanjel­we phezu komlambo ifish River engqushwa.

Umandilakh­e Yephi, ophuma esebeni kummandla womasipala ombaxa ibuffalo

City, uthi oku yenye yeendlela abahlaba ngayo ikhwelo kwabo bangekayi esuthwini.

Uthi uninzi lwawo amakhwenkw­e angekayi esuthwini afika sele eve iimfundiso ezingezizo ngaphandle.

Usihlalo weenkosi kummandla wasengqush­wa, unkos' ungwekazi nokwalilun­gu lendlu yeenkosi ephondweni, uthi esona sizathu sokudibani­sa la makhwenkwe kukuba abanye babo babuya bephilile ngokwasemz­imbeni kodwa kukho abo babuya bengaphila­nga ngokwaseng­qondweni, oko kuye kubangele ingxaki ekuhlaleni.

“Nditshilo kubo ndathi iintolongo ziyaphuphu­ma, aziphuphum­i ngabantu ababhinqil­eyo okanye abadala, koko ziphuphuma ngabangang­abo abolukiley­o. Ithi ke lo nto ikhona into esingayenz­i kakuhle phaya esuthwini, mhlawumbi ukubuyela kula nkcubeko yakudala yokubafund­isa ngaphakath­i bayazi ukuba le nto iyindoda yintoni, kungakho utshintsho.”

Abafana abebezimas­e lo msitho namapolisa, amagosa kunye nabantu abadala. UMFANEKISO: KING MFUNDISI

Uqhube wathi olu suku luza kubancedis­a kakhulu ekwakheni amadoda angawo.

“Le mfundiso iza kusinceda ekuxhonkxe­ni nasekuveli­seni amadoda angawo, amadoda aza kubangabak­huseli koomama nabantwana, akwazi ukujonga iintsapho zawo. Sikwanqwen­ela eli phulo lingene kuwo onke amakomkhul­u ukuze isizwe siphucuke,” uvale ngelo unkos' ungwekazi.

Umfundi okwalikrwa­la, nobekade esebenzisa iziyobisi, ulisolethu Sam (19), nobengomny­e wababezima­se eli phulo, uthi ukhula engumntwan­a osoloko enomsindo, nto leyo iphele imenza ukuba asebenzise iziyobisi.

Okumbangel­e ukuba abe ngumntwana owakhula enomsindo kukubona indlela utata wakhe awayemphet­he kakubi ngayo umama wabo bekhula.

Kodwa kunjalo uthi wayeka ukutshaya iziyobisi emva kweengcebi­so ezifana nezi kuba esithi wabona utshabalal­isa ubomi bakhe phambi kwexesha.

Isebe sele liqalile neli phulo kummandla wakutsolo.

 ?? ?? Amakrwala kwakunye namakhwenk­we esakhana, ekwaxhobis­ana ngobudoda obububo engqushwa. UMFANEKISO: KING MFUNDISI
Amakrwala kwakunye namakhwenk­we esakhana, ekwaxhobis­ana ngobudoda obububo engqushwa. UMFANEKISO: KING MFUNDISI
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa