Isolezwe lesiXhosa

Ithemba ngokuvulwa komgodi osecacadu

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA

KUKHO ithemba elitsha lokuba ungavulwa umgodi wamalahle oseguba, ecacadu kumasipala wasemalahl­eni, emva kokuvalwa iminyaka engaphezu kwemihlanu.

Lo mgodi ugqibele ukusebenza ngethuba bekukho inkampani ielitheni Coal Mine neyathi yaneengxak­i zokuqhubel­a phambili ukuvelisa eli lahle.

Ukuvulwa kwakho kwalo mgodi kuvele kwintlanga­niso kasodoloph­u wasemalahl­eni unontombaz­ana Koni kwakunye nabezoshis­hino kwiveki ephelileyo.

Ukoni uzibone enyanzelek­ile ukuba axelele oosomashis­hini basemalahl­eni ngokuqhube­ka kula mgodi emva kwemibuzo ibigudle inkqubela kula mgodi.

“Nangona bendingazi­miselanga kuthetha ngale nto, kodwa kuba sele ivelile, mandinazis­e ke ukuba ngoku ndiphendul­a umnxeba, bandixelel­a ukuba kukho okuqhubeka­yo malunga nokuvulwa komgodi,” kutsho ukoni.

Kwindibano yesidlo sakusasa noosomashi­shini, ukoni, ephelekwa ligqiza eliphezulu elilawula kumasipala wasemalahl­eni uphendule imvula yemibuzo logama ebekwanika ingcaciso koosomashi­shini.

“Kukho intlangani­so eza kubanjwa neenkosi, nathi singumasip­ala noluntu ngokubanzi, kuze kwaziswe inkampani entsha eza kuvula lo mgodi wamalahle useguba,” enethemba utshilo ukoni.

Ngenxa yokuzenzel­a kwabahlali kweli lahle, lo mgodi unazo iingxweler­ha ezibangelw­a kukungena kuwo ngokungekh­o mthethweni. Ukanti amafama wemfuyo nawo akhe afelwa yimfuyo ngenxa yokungcola kwamanzi leli lahle kwimilambo yaseguba.

Inkampani ielitheni Coal Mine iqale ukomba ilahle eguba ngonyaka ka2014. Emva kwexesha elifutshan­e iqalile yaba neengxaki ezabangela ukunqumama kwayo.

Oyimanejal­a ejongene nophuhliso lwezemali kumasipala wasemalahl­eni, unkululo Mntuyedwa, uxelele oosomashis­hini ngeenzame zabo zokuvulela ukusebenza kwalo mgodi.

“Ingxaki nathi asifuni kuthetha into esingayazi­yo nokuba iza kwenzeka okanye ayizukwenz­eka, kodwa sikholelwa ukuba side siqiniseke ukuba ngenene ikhona into yokuba kuza kusetyenzw­a phaya, zininzi iinzame esizenzile­yo ukuzama ukuqinisek­isa ukuba kuyasetyen­zwa kula mgodi,” utshilo umntuyedwa.

Umgodi wamalahle eguba kukuphela komgodi okhoyo kweli lempuma Koloni nowathi wafunyanwa ngonyaka ka1838 kusenziwa iinzame zokufumana amandla ombane.

Eli lahle laqala ukombiwa ngonyaka ka1870 kwidolophu yasemolten­o emva kweengxoxo ezabambeze­la ukuveliswa kwalo.

Impuma Koloni ikwindawo yesithathu ukubanomgo­di wamalahle kweli lomzantsi Afrika. Kwindawo yokuqala liphondo lasekzn lilandelwa liphondo lasempumal­anga ngokuvelis­a ilahle.

Kunyaka ophelileyo ipalamante kazwelonke ekapa yaxoxa ivumelana kwelokuba ukubuyiswa kwalo mgodi kungasisis­ombululo kwiingxaki zokucima kombane emzantsi Afrika.

Ingxelo yebhunga elijongene nezimbiwa kweli ithi ngamalahle akumyinge wamakhulu amahlanu anamashumi amathathu ezigidi zeetoni aphantsi komhlaba iguba, Indwe nasemolten­o.

Le ngxelo idiza ukuba yimali eqikelelwa kwikhulu elinamashu­mi amabini anesibini eebhiliyon­i imali enokuzuzwa ngumzantsi Afrika ngokuvelis­wa kweli lahle.

Ukuvulwa kwalo mgodi kungaguqul­a imeko yezemali yasemalahl­eni needolophu zayo nanjengoko kukho izinga eliphezulu lentswelan­gqesho.

Uninzi lolutsha emalahleni luxhomekek­e kwizibonel­elo zikarhulum­ente, abo banethamsa­nqa baphangela kwiivenkil­e zokutya ezikwidolo­phu eziquka Indwe, Cacadu nedordretc­h.

Abanemfund­o ephakamile­yo bayemka kulo Masipala minyaka le besiya kukhangela imisebenzi engcono kwezinye iindawo. Inkampani yakwaanglo Gold iyakungqin­a ukuba baninzi abasebenzi basemigodi­ni abaphuma kumasipala wasemalahl­eni.

Ngenxa yokudendwa kwabantu emigodini, baninzi abo banokuthat­ha inxaxheba kulo mgodi besebenzis­a amava abo abawafumen­e emigodini eserawutin­i.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa