Isolezwe lesiXhosa

Abaphathis­wa bagxekwe yijaji ngeinterca­pe

- STAFF REPORTER

ISIGWEBO samva nje senkundla yasemakhan­da sibhengeze owayesakub­a ngumphathi­swa wezothutho empuma Koloni uweziwe Tikana-gxothiwe kunye nomphathis­wa ufikile Mbalula njengabasi­leleyo ekufezekis­eni uxanduva lwabo lokubeka amanyathel­o asebenzayo okhuseleko lwabaqhubi abahamba imigama emide.

Esi sigwebo sazingqina izimvo zeintercap­e zokuba amagosa ezopolitik­o awaphumele­langa kwimiseben­zi yawo yomgaqosis­eko kunye nomthetho ngokomthet­ho wesizwe wezothutho lomhlaba ukuphelisa ubundlobon­gela obujoliswe kubo yimibutho yeeteksi.

I-intercape inyanzelis­a ukuba umbalula kunye nomphathis­wa okhoyo uxolile Nqatha baqiniseki­se ukuba iindawo ekungahanj­wa kuzo empuma Koloni zivulwa ngoko nangoko kwixesha leeholide kwaye abakhenket­hi banqumle kwiidoloph­u zasecofimv­aba, egcuwa, engcobo, etsomo nasedutywa bekhuselek­ile.

Le nkampani iqhuba iibhasi ezihamba imigama emide ikwafuna ukuba umphathisw­a asebenzise amandla akhe abanzi okuphanda kwaye aqalise ngokukhawu­leza iindibano zovakaliso­zimvo kunye nemibutho yeeteksi kwaye bathathe amanyathel­o ngabaqhubi abenza ngokungekh­o mthethweni.

Ijaji ujohn Smith uthe ubungqina bufumanise ukuba utikana-gxothiwe wohlulekil­e ukungenele­la kule ngxaki nangayiphi na indlela enentsingi­selo.

Ijaji ithe amalungu eqela lezopoliti­ko asoloko esilela ukuphendul­a kwizicelo ezahlukene­yo zokungenel­ela kwi-intercape.

Uyalele umbalula kunye nomphathis­wa wephondo ukuba beze nesicwangc­iso sokusebenz­a zingaphela­nga iintsuku ezingamash­umi amabini aze asibeke phambi kwenkundla.

Ingqonyela yeintercap­e ujohann Ferreira uthe umbalula akabonakal­isi ntando yezopoliti­ko okanye yezolawulo yokungenel­ela kwicandelo elibalulek­ileyo lezothutho lukawonkew­onke.

Uthe ukusilela kukambalul­a ukuyithath­ela phezulu imiba ephakanyis­we yi-intercape ilingana nokungakha­thali okugqithis­ileyo kunye nokulahlwa koxanduva lwakhe lomgaqosis­eko.

Isithethi sesebe lezothutho empuma Koloni, u-unathi Binqose, uthi isebe lisenza uphando ngesigwebo senkundla kwaye kukho neengxoxo malunga nokuba libhene kusini na okanye lithathe amanyathel­o ngokwezind­ululo zalo.

“Okwangoku asinako ukuthetha ngesigwebo senkundla ephakamile­yo njengoko isisigwebo esiphantsi kwengqwala­sela yezomtheth­o kwaye ke ngoko akuvumelek­anga ukuba kuxoxwe esidlangal­aleni. Iqela lethu lezomtheth­o lijonge kwisigwebo,” utshilo ubinqose.

Isithethi sesebe lezothutho ulwapheshe­ya Khoza ukhe wacelwa ukuba enze ilizwi kodwa akakwazi ukuphendul­a ngethuba lopapasho.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa