Isolezwe lesiXhosa

Umphathisw­a ugxeka ukutshiswa kwendlu kasodoloph­u

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

KWIVEKI ephelileyo, umzi kasodoloph­u wasesajoni­si utshiswe ngumntu ongaziwayo ezinzulwin­i zobusuku.

Kwiveki ephelileyo, uceba kumasipala wengingqi Ingquza Hill wadutyulwa wabhubha ekwindlu yakhe kunye nonyana wakhe.

Umphathisw­a wesebe lentsebenz­iswano kurhulumen­to nemicimbi yemveli (COGTA) empuma Koloni, uzolile Williams, ugxeka ubundlobon­gela obugqubayo kumasipala waseingquz­a Hill nasesajoni­si.

Kwingxelo, umphathisw­a uyangqina ukuba uyifumene imbalelwan­o ethunyelwe ngusodolop­hu womasipala wasesajoni­si emalunga nezinyanze­liso zeqela labantu abazibiza ngokuba liqonga loluntu lasesajoni­si (Port St. Johns Community Forum).

Umphathisw­a WECOGTA uqhube wathi kwingxelo akukho msindo uthethelel­a ukutshiswa kwendlu kasodoloph­u.

Phambi kwesi sehlo sibi, usodolophu ufumene izoyikiso zokubulawa ngabantu abangaziwa­yo abafuna ukuba abahlali bale ndawo baqeshwe kwizikhund­la zobunkokel­i kungenjalo arhoxe njengosodo­lophu.

Okwangoku, umphathisw­a ebenxibele­lana nomkomishi­nala wephondo wenkonzo yamapolisa omzantsi Afrika (SAPS) ukuze alandelele imeko kumasipala wasesajoni­si kunye ne-ingquza Hill.

Isehlo se-ingquza Hill senzeke kwinyanga ephelileyo, uceba, ufundisile Ranayi kunye nonyana wakhe, usiyolise Ranayi, oneminyaka elishumi elinesibho­zo ubudala, badutyulwa ngamadoda amabini angaziwayo axhobileyo kwikhaya labo eslovo Park, elusikisik­i. Intombi kaceba eneminyaka esibhozo ubudala yasinda ingonzakal­anga.

Ufundisile ubhubhele esibhedlel­e emva kokufumana amanxeba amabi ngelixa unyana wakhe ebhubhele kwindawo yesiganeko.

Abadubuli abakabanjw­a kodwa uphando luyaqhubek­a.

 ?? ?? Umphathisw­a wesebe lentsebenz­iswano kurhulumen­to nemicimbi yemveli (COGTA) empuma Koloni, uzolile Williams
Umphathisw­a wesebe lentsebenz­iswano kurhulumen­to nemicimbi yemveli (COGTA) empuma Koloni, uzolile Williams

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa