Isolezwe lesiXhosa

Iqela lasemdants­ane livuyela ukoyisa kumnyazi

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMPHATHI we-eb Stars, uvictoria Martin, uthi bonwabe kakhulu emva kwempumele­lo efunyenwe liqela lakhe kutshanje.

Iqela lomnyazi eliphuma emdantsane, IEB Stars, litshayele kwanto ephambi kwalo kwitumente yomnyazi ekuthiwa yinetball Heritage Tournament ebibanjelw­e emngqesha.

Phakathi kwamaqela athathe inxaxheba kuyo aquka ihungries, ipillars, ilenye United, Abahlobo, ikwano Greenify, ihappy Hearts, IEB Stars, ithembu Warriors, iyoung Chiefs, iblackpool, itonardo neyoung Attackers.

Emidlalwen­i yamanqam, ihangries ibethe iexperienc­e ngo14-11, yona IEB Stars yabetha iyoung Chiefs ngo17-7.

Emdlalweni wokugqibel­a wetumente, IEB Stars yoyise ihungries ngo24-8 yatsho yagoduka nendebe. Umartin, obengomnye wabaqeqesh­i, ubaqhwabel­e izandla abadlali bakhe, watsho esithi baliphakam­isile igama leqela lakhe nendawo yasemdants­ane enyakeni omnye likhona iqela.

“Ndonwabe kakhulu emva kokuphumel­ela kweqela lam. Eyona nto esonwabise kakhulu yindlela abadlali abayidlale ngayo itumente nangona umqeqeshi wabo ebengekho. Kuhle ukubona abantwana bam bekwazi ukuzimela kwitumente efana nale sisuka kuyo. Benze kanye le nto besiyicela kubo emidlalwen­i. Kodwa yonke into iqale sisaziqeqe­sha phaya ejimini,” utshilo umartin.

“Inkulu kuthi kakhulu into yokubambis­ana kwabo ebaleni. Esikuncoma­yo kweli qela yindlela elidlale ngayo namaqela elingaqhel­anga ukudlala nawo. Yiminyaka emibini IEB Stars ikhona. Ukuphumele­la indebe kuthetha ukuthi sikhulile. Ngoba sizimisele ukubaliqel­a elinamandl­a, sifuna ukubeka iingqondo zethu ezintweni zethu ukuze sikhule ngakumbi. Akukho tumente siyijongil­eyo okwangoku kodwa ukuphumele­la kwethu kuphakamis­e ukuzithemb­a ebadlalini nakwiqela lethu lonke. Okuhle ngetumente esisuka kuyo kukuba sitsho sabhaqa neendawo ezifuna ukuqiniswa,” utshilo umartin.

Abadlali bestars: ngusinelih­le Tupha, uliyabona Mhlaba, ubukho Meyi, uyanelisa Davane, usinalo Jaji, usiwaphiwe

Clif, usanele Tomani, Unathi Khimbici, Aseza Bhabha nonolitha Hlabi.

 ?? ?? ispringbok Women silungisel­ela ukudibana nefiji emdlalweni wetumente yehlabathi. Umfanekiso: Boks/facebook
ispringbok Women silungisel­ela ukudibana nefiji emdlalweni wetumente yehlabathi. Umfanekiso: Boks/facebook
 ?? ?? Iqela lebhola yomnyazi, IEB Stars, libhiyozel­a impumelelo emngqesha. Umfanekiso: Uthunyelwe
Iqela lebhola yomnyazi, IEB Stars, libhiyozel­a impumelelo emngqesha. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa