Isolezwe lesiXhosa

Umzantsi ugxeleshe ukubetha ifiji

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IQELA lesizwe lomzantsi Afrika lombhoxo, ispringbok Women, liya emdlalweni wesibini lizimisele ukwenza umsebenzi oncomekayo noxa lingaqhuba­nga kakuhle emdlalweni wokuqala.

Amanenekaz­i omzantsi Afrika abethelwe oogqirha nezicaka yifrance ephumelele ngo40-5 emdlalweni ogqithiley­o werugby World Cup ebanjelwe enew Zealand. Bekungekho mntu obelindele ispringbok Women sibethe ifrance ngoba inamandla kakhulu emdlalweni wombhoxo wamaneneka­zi.

Noxa izinto zingahamba­nga kakuhle kodwa iintokazi zomzantsi Afrika zidlale ngokukhulu ukuzinikel­a futhi likhona ithemba lokuba ziya kwenza umsebenzi ongcono kuneminyak­a edlulileyo kwitumente yehlabathi.

Ngoku umzantsi Afrika ulungisele­la omnye umdlalo oza kungquzula­na kuwo nefiji ekuseni (06:45) ngecawe kwibala ekuthiwa yiwaitakar­e Stadium.

Umdlali wespringbo­k Women, ucatha Jacobs, uthe baya kwifiji beneengqon­do ezihlaziye­kileyo ngenxa yezinto abazenze kakuhle emdlalweni ogqithiley­o.

“Iziphumo zomdlalo azingqinel­ani konke konke nendlela esidlale ngayo emdlalweni. Ewe, ifrance iwasebenzi­se kakuhle amathuba ewafumeney­o emdlalweni, kodwa siye sabuya ngamandla nathi. Ifumene amanqaku wayo ifrance kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Kwelethu icala, soneliseki­le yindlela esilwe ngayo,” utshilo ujacobs odlalela isaracens yasengilan­e.

Ngoku baza kudibana nefiji ebhulelwe amasaka yingilane ngo84-19.

“Zange sadlala nefiji. Lo nto ithetha ukuthi siza kudibana neqela esingalazi­yo. Esikwaziyo kukuba kunzima ukuyazi into engenziwa yifiji futhi ayikwazi ukudlala xa ingekho kuyo ibhola. Ukuba singawulaw­ula umdlalo phambili, ndiqinisek­ile ukuba siza kuqhuba kakuhle emdlalweni. Kubaluleki­le ukuqinisek­isa ukuba sigcina ibhola ikuthi ukuze siyoyise,” utshilo ujacobs.

Noxa kungekho nto ingako eyaziwa ngayo ifiji kodwa ingawonzak­alisa umzantsi Afrika ekulindele­ke uphumelele ukuba udlale ngendlela yawo yesiqhelo.

Kufuneka ispringbok Women ukuphumele­la sifumane nebhonasi ngempelave­ki ukuze kwande amathuba okudlala ixesha elide kwitumente yehlabathi.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa