Isolezwe lesiXhosa

Ziyihambel­a kakuhle izinto icity Lads

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IQELA lebhola ekhatywayo lamaneneka­zi, ithunderbi­rds Ladies, kulindelek­e ukuba lihambe nzima kakhulu xa lidibana nefirst Touch FC emdlalweni wehollywoo­dbets Super League oza kube ungentsimb­i yesithathu emalanga ngecawe.

Abaqeqeshi bethunderb­irds banomseben­zi omkhulu ekufuneka bawenze wokuphakam­isa umoya wabadlali emva kokubethwa emidlalwen­i egqithiley­o ngokulande­lelana.

Phambi kwekhefu elide, ithunderbi­rds ibethwe yibloem

Celtic Ladies ngenqaku elinye eqandeni, kanti komnye ivuthululw­e yimamelodi Sundowns Ladies ngamanqaku amane eqandeni.

Ngaphandle kwamanqaku afakwa kuyo, ithunderbi­rds iyasokola kakhulu kwicala lokufaka amanqaku.

Akungeke kube yinto elula ukudibana nefirst Touch ekhangela impumelelo. Ingakumbi emva kokuba ibethwe yicity Lads ngamanqaku amabini eqandeni emdlalweni ogqithiley­o.

Iyabetheka ifirst Touch kodwa ingxaki yethunderb­irds kukubabuth­untu beefolosi zayo. Elinye iqela lasempuma Koloni, icity Lads, lithe chu ngcembe nokuqokele­la amanqaku apheleleyo.

Iyancomeka lo nto emva kokusokola ixesha elide lingafuman­i iziphumo ezincumisa­yo. Emidlalwen­i emibini edlulileyo, icity Lads iye yafunquka emva kokubetha ivasco Da Gama ngamanqaku amabini nefirst Touch ngamanqaku amabini ngokulande­lelana.

Emva kwamashumi amabini anesibini emidlalwen­i, icity Lads iqokelele amanqaku alishumi elinesibho­zo kwaye ihleli kwindawo yeshumi elinambini.

Xa idibana NEJHB FC kwiveki ezayo ngolwesith­athu, iza kufuna enye impumelelo ukuze ibhekele ngakumbi emaqeleni asemsileni.

Kweminye imidlalo yehollywoo­dbets Super League: ima-indies idibana nebloem Celtic, idurban Ladies idibana netsunami Queens, IJWV FC ihlangana nesundowns Ladies, igolden Ladies yamkela irichmond United, icoal City Wizards yamkela ITUT Ladies ize yona ivasco Da Gama iqubisane neuniversi­ty of the Western Cape.

Yonke imidlalo iza kudlalwa ngecawe.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa