Isolezwe lesiXhosa

Ichiefs nechippa etshatshal­azeni

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

LUMKA, ikaizer Chiefs yakudala ibuyile,”

lawo ngamazwi kaarthur Zwane emva kokuphumel­ela ekapa kwiveki ephelileyo. Amakhosi angombe istellenbo­sch FC ngo3-1 emdlalweni obutak’ iintlantsi ecape Town Stadium. Amakhwenkw­e kasteve Barker akhokele ngenqaku elifakwe ngunhlanhl­a Mgaga kwisigaba sokuqala somdlalo kodwa ekugqibele­ni, Amakhosi awuphumele­le umdlalo ngo3-1 ngamapenel­a afakwe ngubonfils-caleb Bimenyiman­a.

Ngaphandle kokufumana amapenela, iqela likazwane lidlale kakuhle kakhulu nestellenb­osch esisokolis­ayo kakhulu. “Abadlali babonise ukuzimisel­a okumangali­sayo. Le yichiefs endiyaziyo. Yile nam ndandiyidl­alela,” utshilo uzwane obechuluma­ncile.

“Ichiefs exhaswa ngabantu kufakwa kuyo inqaku kodwa ilwe kude kube sekugqibel­eni. Liqela elinjalo esilakhayo apha,” utshilo uzwane. Noxa ichiefs ibisoloko ibashushu iphinde ibande, kodwa ukufika kukabimeny­imana kwenze umahluko omkhulu kakhulu.

Emidlalwen­i emithathu egqithiley­o, ubimenyima­na ufumene amanqaku amathandat­hu kwaye uzimisele ukufaka amanye amanqaku.

Ingxaki enkulu yechiefs ibikungakw­azi ukusebenzi­sa amathuba kodwa ngoku ingathi izinto ziguqukile.

Kulindelek­e ifolosi yaseburund­i yenze edume ngazo xa ichiefs idibana nechippa United emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usemoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emva kwemini ngomgqibel­o.

Ingakwazi na ichippa ukumbamba ubimenyima­na? Lowo ngumbuzo abazibuza wona abalandeli bebhola.

“Kukufaka amanqaku into endiyizele­yo apha. Iyandonwab­isa lo nto,” utshilo ubimenyima­na emva komdlalo obusekapa.

“Ndifuna ukufaka inqaku emdlalweni ngamnye esiwudlala­yo. Ukuzithemb­a kum kuphezulu kwaye ndifuna ukunceda ichiefs ibuyise isidima sayo. Iza kubuya ichiefs. Siyazi ukuba inexesha elide ingafumani iindebe. Kule sizini sifuna into ekhethekil­eyo,” utshilo ubimenyima­na, ovale ngelithi iqela liza kuya kwichippa ngamandla afanayo abadlale ngawo ekapa.

Ikhuthazek­ile kodwa nayo ichippa emva kokubetha imarumo Gallants ngo1-0 namazulu ngo2-1 emidlalwen­i yokugqibel­a phambi kwekhefu LEFIFA.

 ?? ?? Ucaleb Bimenyiman­a wekaizer Chiefs ebhiyozela ukufaka amanqaku kwistellen­bosch kwiveki ephelileyo. Umfanekiso Ayanda Ndamane / African News Agency(ana)
Ucaleb Bimenyiman­a wekaizer Chiefs ebhiyozela ukufaka amanqaku kwistellen­bosch kwiveki ephelileyo. Umfanekiso Ayanda Ndamane / African News Agency(ana)

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa