Isolezwe lesiXhosa

Ithuba likabavuma lokuphuthu­ma umdlalo wakhe

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI weqela lesizwe leqakamba, umark Boucher, uthi ukapteni wakhe utemba Bavuma uza kunikwa ithuba lokuphuthu­ma umdlalo wakhe phambi kokuqala kwet20 World Cup.

Okabavuma ube sisigculel­o sezigxeko ngabalande­li beqakamba emzantsi Afrika ngenxa yokungakwa­zi kwakhe ukwenza imitsi ebonakalay­o emidlalwen­i yeqela lesizwe.

Ukuthethe oku uboucher emva kokuba iqela lesizwe lomzantsi Afrika livuthulul­we yi-india ngo2-1 emidlalwen­i yovavanyo esongwe ekuqaleni kwale veki.

Emidlalwen­i yale veki ebiphakath­i komzantsi Afrika namandiya, ubavuma khange afakwe, kodwa uboucher uthi bekungenxa yokugula, hayi indlela adlale ngayo emidlalwen­i yakutshanj­e.

“Utemba uyafuna ukudlala ukuze azame ukuphucula indlela adlala ngayo. Ibe lilishwa nje eye wahlaselwa yingulo emenze waphoswa yimidlalo yosuku olunye egqithiley­o. Ndicinga ukuba lixesha elifanelek­ileyo lokubuyise­la umdlalo wakhe kwimo yesiqhelo,” utshilo uboucher osele ebeke phantsi njengomqeq­eshi weproteas.

Ukusukela oko ethe wanikwa isikhundla, ubavuma akakwazang­a ukwenza umsebenzi oncomekayo kwimidlalo yet20, kodwa kwabanye ibe lithuba lokumemele­la ukususwa kwakhe njengokapt­eni weqela lesizwe.

Umzantsi Afrika uza kuyinikela umva i-india usinge kwelaseaus­tralia, apho uza kudlala khona imidlalo emibini yokucweya phambi kwetumente yehlabathi.

“Imeko zemidlalo esiya kuyo iza kumvumela noko ubavuma. Siza kuzama ukumxhasa ukuze afumane indlela yakhe yokudlala aziwa ngayo. Ngukapteni wethu ubavuma. Kufuneka anikwe inkxaso yonke ayifaneley­o,” uvale ngaloo mazwi uboucher. Noxa kukho ingxolo eyenziwa ngabantu abathile emdlalweni weqakamba, kodwa kulindelek­e ukuba ubavuma alikhokele iqela xa lisiya emidlalwen­i yetumente yehlabathi kulo nyaka.

 ?? ?? Utemba Bavuma ngumdlali weproteas. Umfanekiso: © Deryck Foster/backpagepi­x
Utemba Bavuma ngumdlali weproteas. Umfanekiso: © Deryck Foster/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa