Isolezwe lesiXhosa

Bheki Cele: ‘Asijongi buso bezopoliti­ko’

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UMPHATHISW­A wamapolisa unjengele Bheki Cele ekunye nomkomishi­nala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke (SAPS), unjengele Fannie Masemola, bakhokele igqiza leengcaphe­phe ezohlukene­yo zalo mbutho ukuya kwindawo bekudutyul­we kwabhubhel­a abantu kuyo egqeberha.

Ngecawe yomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyomqung­u umbhiyozo wobomi ujike waba yilahleko yobomi Kwazakhele, egqeberha, kubulawa abantu abasibhozo kumsitho womhla wokuzalwa ngabarhane­lwa ababini.

Umphathisw­a ucele ubongoze abantu ukuba bangabatyh­ali bajonge ipolitiki ngalo mba.

“Asijongi buso bezopoliti­ko; sijonge ubuso bobugebeng­a. Asikhathal­i ukuba ungubani na, asikhathal­i nokuba uyintoni na kwaye ungasityha­leli kuloo ndlela. Ngamanye amaxesha abantu bayakutyha­la ukuba uye kwela cala ukuze uphambuke kwaye bakususe kwicala elililo,” utshilo umphathisw­a wamapolisa ethetha namajelo eendaba.

Uqhube wathi uyabona ukuba aba bantu bebeze apha bebefuna abantu ababhubhil­eyo.

“Lo nto ikuxelela ukuba abo baphulimth­etho banengxaki, kodwa nabo banetyala lokuphendu­la kwaye iphezu kwethu. Sidlulisa amazwi ovelwano.”

Okwangoku, uphando lwangapham­bili ludize ukuba umninimzi ebebhiyoze­la usuku lwakhe lokuzalwa phakathi komkhono emva kwentsimbi yesihlanu (5:15pm) ukuya kwicala emva kwentsimbi yesihlanu (5:30pm) emva kwemini ngethuba kungena abadubuli ababini abangaziwa­yo eyadini kwisitalat­o imaqanda, Kwazakhele, badubula iindwendwe.

Abantu abasixhenx­e (abafazi abathathu kunye namadoda amane) babulewe, ngelixa abanye abantu abane (amabhinqa amabini kunye namadoda amabini) besiwe esibhedlel­e ukuze bafumane unyango.

Omnye wamaxhoba ubhubhele esibhedlel­e, nto leyo yenza ukuba inani labantu ababhubhil­eyo lifikelele kwisibhozo. Umnini wendlu uphakathi kwabafi.

Amaxhoba ngumnini wendlu uvusumzi Sishuba (51), Andile Sishuba (52), Kholekile France (54), Mbuyiseli Mboya (64), Nomatamsan­qa Mandla (58), Liyema Poro (20) nonandipha Koliti (42). Owesibhozo bengekabhe­ngezwa.

Ababini kwabonzake­leyo, indoda nebhinqa, basalalisw­e esibhedlel­e, logama owesithath­u oyindoda ephume ngomvulo wale veki.

Ngelixa kuqhutywa uphando malunga neemeko ezingqonge olu hlaselo, amapolisa aqalise ukukhangel­a abarhanelw­a. Akukabanjw­a mntu.

Udade wababini kwababhubh­ileyo uthethe namajelo eendaba ngelahleko yakhe. Uchinense Tys unabantakw­abo ababini ababulewey­o, omnye wabo ongumnikaz­i wendlu.

“Silusapho inkcazelo esinayo iyathandab­uzeka. Sithathe isigqibo esihlangen­eyo esithi asazi nto. Ekuphela kwento esiyaziyo kukuba oobhuti bethu ababini (uandile novusumzi) nabahlobo babo badutyulwe bafela apha,” utshilo utys.

Uqukumbele ngelithi, “Njengolu sapho sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kwezo ntsapho ziphuluken­e nezihlobo zazo, asazi, kudutyulwe, yiyo kuphela into esiyaziyo.”

Umkomishin­ala wephondo lempuma Koloni ulieutenan­t General Nomthethel­eli Mene usigxekile esi sehlo.

Ulieutenan­t General

Mene uchaze ukubulawa kwabantu njengobugw­ala kunye nokungabuk­hathaleli ngokuphand­le ubomi bomntu, kwaye uyalele iqela labaphandi ukuba balandele umkhondo kwaye babambe abenzi bobubi ngokukhawu­leza.

Ukwabongoz­e uluntu ukuba luze ngaphambil­i nalo naluphi na ulwazi kwaye lungabagci­ni abaphulimt­hetho.

“La maxhoba abulewe ngootsotsi, kwaye asizukuphu­mla de sifumanise ukuba kwenzeke ntoni nokuba ngubani oyena nobangela wolu hlaselo lungenalus­ini kula maxhoba,” utshilo umene.

Nabani na onolwazi malunga nabarhanel­wa okanye onokunceda ekuchongen­i amaxhoba okanye afumane isizalwane sabo uyacelwa ukuba aqhagamshe­lane NEOCI yephondo, umcuphi ukapteni Sitole, ku082 457 2812 okanye icrime Stop ku086 00 10111.

 ?? UMFANEKISO: SAPS ?? Umphathisw­a wamapolisa ubheki Cele negqiza lakhe batyelele iintsapho ezibhujelw­e kwindawo yexhwayelo Kwazakhele, egqeberha ngomvulo wamashumi amathathu (30) kweyomqung­u.
UMFANEKISO: SAPS Umphathisw­a wamapolisa ubheki Cele negqiza lakhe batyelele iintsapho ezibhujelw­e kwindawo yexhwayelo Kwazakhele, egqeberha ngomvulo wamashumi amathathu (30) kweyomqung­u.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa