Isolezwe lesiXhosa

Iinqanawa ziza kuphucula ukhenketho lwasemonti

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

ZILISHUMI elinesibho­zo (18) iinqanawa zokukhenke­tha ezicwangci­selwe ukumisa kwizibuko lasemonti, zizise abatyeleli abangaphay­a kwamashumi amabini amawaka (20 000).

Eli linani elibalulek­ileyo kushishino lwezokhenk­etho lwasekhaya. Umasipala ombaxa wasebuffal­o City unemincili kukubuya kweenqanaw­a ezibizwa iicruise Liners elunxwemen­i.

Oku kuya kwenza igalelo elibalulek­ileyo ekuvuselel­eni ishishini lezokhenke­tho, elithe lachatshaz­elwa ngubhubhan­e wekhorona.

Ngalo lonke eli xesha lalo bhubhane, ukhenketho lachaphaze­leka kakhulu, kuchaphaze­leka amacandelo ahlukeneyo afana nokwamkela iindwendwe, iiarhente zokuhamba kunye nabakhenke­thi, zonke iintlobo zeenkonzo zothutho kunye nezinye ezininzi.

Ngokutsho kwesitheth­i sikamasipa­la wasebuffal­o

City, usamkelo Ngwenya, ishishini leenqanawa zokhenketh­o (cruise liners) linegalelo ekukhuleni kwamanani abatyeleli, inkcitho yabakhenke­thi kunye noqoqosho lweli ngokuzisa abakhenket­hi kwiindawo ezinomtsal­ane zalapha.

Ungwenya uthe kweli xesha lonyaka liza kunyuka inani labakhweli abahamba ngenqanawa kwizibuko lesixeko.

Ezi ndwendwe zamkelwe ngezandla ezishushu ngusodolop­hu wesigqeba somasipala ombaxa wasebuffal­o City uxola Pakati.

“Sifuna ukubulela bonke abantu abandwendw­ele isixeko sethu. Amaziko ethu okhenketho axhamla kakhulu, kwaye senza indima yethu ekuqinisek­iseni ukuba zonke iindwendwe zethu zihlala zikhuselek­ile njengoko siye sanyusa iinzame zethu zokuthotye­lwa komthetho sisebenzis­ana nenkonzo yesipolisa yasemzants­i Afrika,” utshilo.

Wongeze wathi, “Simema wonke umntu ukuba azokujonga isixeko sethu, ubuhle baso kunye nobubele babantu baso.”

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa