Isolezwe lesiXhosa

Usomlomo unqunyanyi­selwe ukuxhaphaz­a

-

ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UMBUTHO olawulayo IANC empuma Koloni unqumamise ngokukhawu­lezileyo ubulungu BEANC bukahappy Ngqasa obengusoml­omo womasipala umzimvubu, emva kwesenzo sokubetha inina labhontibh­onti umzimba wonke.

Oku kwenzeke ngeyenkang­a kunyaka ophelileyo kwabhaca.

OWEANC empuma

Koloni ugift Ngqondi uthi bengumbuth­o basikhalim­ela kabukhali esi senzo, nalapho athi lo kangqasa ubenesibin­di emane ukuhlala kwiindiban­o ZEANC ezazi ukuba wenze izenzo ezothusayo nezikhalin­yelwa umhla nezolo, izenzo ZEGBV.

IANC ithi lo mbutho "ayingomqol­omba wezihange"

“Sihlab’ ikhwelo emapolisen­i ekubeni aqhubeke nokuphanda oogxa babo esipolisen­i abazame ukuchitha eli tyala njengoko kukho loo marhe. Siza kuyilandel­ela le ngxaki de ibe ingalo yomthetho idlala indima yayo.”

“Kufanele siqhwabele izandla uonele Tshunguzi ngokutheth­a phandle nangona busebungoz­ini ubomi bakhe. Ungomnye wamaqhawek­azi alwa izenzo ZEGBV. Kufanele sikhuthaze namanye amanina afana noonele ekubeni athethe phandle, kwaye asebenzise amaqonga onxibelelw­ano ukufumana inkxaso kwanokulwi­swa nokukhange­liswa iminyango efanelekil­eyo," utshilo ungqondi.

Ixhoba, utshunguzi, ubhale kwikhasi lakhe ngesilungu nalapho afake khona nemifaneki­so yakhe enamanxeba okulunywa amabele nemilebe yomlomo.

Uthe: “Akunani ningasijaj­a xa sixhoma apha kufacebook izenzo ZEGBV, kungokuba asinamandl­a kwaye asincedaka­li. Ndalivula ityala esikhululw­eni samapolisa kwabhaca, ndafika ekhona nomenzi, wavuma emapolisen­i ukuba undibethil­e kodwa akabanjwa, inokuba ke kungenxa yesikhundl­a sakhe kwaye uyaziwa, kungoko engazange abanjwe. Ndinamanxe­ba umzimba wonke, ndawabonis­a amapolisa kodwa zange ndinikwe case number. Ngoku ndoyikela ubomi bam,” libhale oko ixhoba.

Ukanti nombutho ophikisayo WEEFF kula mmandla usikhalime­le esi senzo.

Usihlalo WEEFF kawadi 23 emzimvubu ubongile Ngqasa, uthi nabo beyieff bayazigxek­a kwaye bezikhalim­ela ezi zenzo zenziwe ngokangqas­a.

Kulindelek­e ukuba kubekwe usomlomo omtsha kulo Masipala, ongena kwizihlang­u zikangqasa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa