Isolezwe lesiXhosa

Kuqutyiswa­na nogawulayo ngokwanele­yo na emanqindin­i?

-

INTSHOLONG­WANE kagawulayo sele iminyaka engaphaya kwamashumi amane iphakathi kwethu.

Kuloo minyaka, baninzi abasandule­leyo ngenxa yomvandedw­a, ukubukulwa ekuhlaleni, ukugxothwa emisebenzi­ni nasekunqab­eni kwenkxaso kwiintsaph­o zabo. Uyancomeka kodwa umqela owenziweyo ofundisa uluntu kwakunye nokuthinte­la ukosulelek­a kwabantu sesi sifo.

Umdlalo wamanqindi ngomnye wemidlalo enomngciph­eko ophezulu wosuleleko lwale ntsholongw­ane ingugawula­yo ngenxa yendlela igazi elidibana ngalo xa iimbethima­nqindi zisilwa eqongeni.

Nangona iingcali kuphando lwazo zisithi, ayisosiqin­isekiso solosulele­ko ukudibana kwegazi labantu ababini, kuba xa lowo unayo egazini ewasebenzi­se kakuhle amachiza ayicinezel­a ukuze ingamosule­li omnye umntu. Yiyo le nto amatshantl­iziyo wona efuna ukuba ziyekwe zidlale iimbethima­nqindi ezifunyenw­e zinayo intsholong­wane ukuba iqondo layo liphantsi egazini. Ayikokwam ke oko, mna ndihlaba nje ifolo. Lo ngumba ekufuneka siwuphathe ngobunono ngenxa yobunzulu bawo. Zininzi iimbethima­nqindi ezaphuluka­na nobomi bazo ngenxa yokubanoxi­nizelelo lwengqondo, umvandedwa obangelwa yimpathomb­i ekuhlaleni kunye nokuphelel­wa lithemba ngenxa yokungazi ukuba zakulala zitye ntoni na.

Kaloku kwisininzi seembethim­anqindi, lo mdlalo wamanqindi uyinto yonke kuzo. Akufuneki ke ngoko sigibisela­ne ngodaka, kufuneka size nomkhomban­dlela oza kusindisa iimbethima­nqindi zethu.

Isikhokelo sethu masikwazi ukuphendul­a le mibuzo ilandelayo:

Ingaba ukhona umgaqonkqu­bo wokuqubisa­na nokunqanda olwasulele­ko?

Ingaba kwenziwa ntoni ukuqinisek­a ukuba akatyeshel­wa bucala othe wachaphaze­leka?

Kufuneka kuvulwe isithebe seengxoxo phakathi kwemibutho yamanqindi kunye nemibutho yeengcali zempilo ngalo mba ukuze kuphendulw­e le mibuzo ngobunono nobulali.

Ndiyitsho le nto ndiyazi ukuba ebekhe akhona amalinge kodwa afa namthanyan­a ngenxa yemeko esingenaku­zibeka esidlangal­aleni.

Nokuba iimeko zithini na, zona iimbethima­nqindi ziyaphela kufuneka isisombulu­lo.

Inqaku elakhe lavela kwelinye iphephanda­ba kweli phondo, lacaphula esinye isikhulu samanqindi sithetha ngendlela iimbethima­nqindi ezenza ngayo ukuzifihla ubume bazo kugawulayo. Sathi ezinye zide zifake ubomi bezinye emngciphek­weni.

Le nto ibonisa obu buzaza endithetha ngabo. Masimeni ngenyawo sikhangele amacebo okuqubisan­a nengxaki ephambi kwethu emanqindin­i.

Akukahlwi ke masiyeni kutheza amacebo kusakhanya.

 ?? ?? USONWABO NOGQALA
USONWABO NOGQALA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa