Isolezwe lesiXhosa

Ichippa ekhuthazek­ileyo igxeleshe ukubetha istellenbo­sh FC

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

KUGQUBA umoya omhle enkampini yechippa United emva kokuphumel­ela okokuqala kulo nyaka. Oku kuphenjele­lwe ziziphumo ezihle ezizuzwe ngamakhwen­kwe kamorgan Mammila abethe imaritzbur­g United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obunzima enelson Mandela

Bay Stadium, egqeberha, kwimpelave­ki egqithiley­o.

Amanqaku amathathu ewafumeney­o ichippa United ayibeke kwindawo yesixhenxe – phakathi kwitop 8 ebikuyo kakade phambi kokungaphu­meleli kwayo emidlalwen­i esixhenxe phambi kokubetha iteam of Choice kwiveki ephelileyo.

Amandla ewafumeney­o kulindelek­e ayincede ichippa United njengokuba iza kudibana nestellenb­osch FC emdlalweni oza kuba nzima enelson Mandela Bay Stadium emalanga ngomgqibel­o.

Njengokuba isizini seyingene kwisigaba sayo sesibini, umammila uza kulwela ukuba ichippa United ihlale kwitop 8 endaweni yokulwela ukuphepha izembe – into ethande ukuyiqhela.

Ngeke ibe ngumsebenz­i okhaphukha­phu ukubetha istellenbo­sch ngoba nayo ikhuthazek­ile emva kokubetha icape Town City ngamagowul­i amathathu kwamabini emdlalweni olidabi lobukhaya kwiveki ephelileyo.

Usteve Barker uza kuya egqeberha encwase amanye amanqaku apheleleyo ukuze iqela lakhe linyukele phezulu emva kokukhubek­a emidlalwen­i eliqela phambi kokuphumel­ela kwiveki ephelileyo. Kunyanzele­kile ichippa iphumelele xa idlalela ebaleni layo naphambi kwabalande­li bayo.

Nangona iqela lasempuma

Koloni lidlala kakuhle kodwa umammila uza kubeka ithemba lakhe kwifolosi yakhe, uetiosa Ighodaro, esele ifake amagowuli asixhenxe emidlalwen­i elishumi elinesine kwisizini yokuqala emzantsi Afrika.

Omabini amaqela aya emdlalweni efuna impumelelo. Yeyona nto eza kubangela umdlalo ube nomtsalane kakhulu kubalandel­i bala maqela omabini.

Impumelelo ingayinced­a istellenbo­sch inyukele kwindawo entle kwidstv Premiershi­p.

Onke amaqela adlalela ukusinda ezembeni okanye indawo kwitop 8 ngoba imamelodi Sundowns sele izicuthele umthwalo ngokuqokel­ela amanqaku angaphaya kwamashumi amahlanu xeshikweni amanye esaleqa amashumi amathathu.

 ?? ?? Abadlali bechippa United.
Abadlali bechippa United.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa