Isolezwe lesiXhosa

Ijeffreys Bay nekruisfon­tein ziyakhokel­a kwiec Super 14!

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

NANGONA bekuphinde kwakhona omnye umdlalo ohlehlisiw­eyo, kodwa amanye amaqela akwazile ukudlala imidlalo yawo.

Emva kweveki yesibini, ijeffreys Bay nekruisfon­tein United zikhokela amaqela adlala kwieastern Cape Rugby Super 14 emva kokuphumel­ela imidlalo emibini.

Njengokuba amaqela ohlulwe azizicuku ezibini, ijeffreys Bay ikhokela kugroup B emva kokubetha ivuthulule iyoung Leopards ngo23-6 emdlalweni wangempela­veki egqithiley­o.

Kanti kwelinye icala, ugroup A ukhokelwa yikruisfon­tein ezibethele igardens ngo22-15 emdlalweni obunzima kakhulu. Iintshatsh­eli ezikhusela­yo, iprogress, ziyivule kakuhle isizini ngokubetha incerha Leopards ngo20-14 emva kokuba ingadlalan­ga umdlalo wokuqala ohlehliswe ngomzuzu wokugqibel­a ngenxa yezizathu abangazich­azanga abaququzel­eli besuper 14 ekhule yanamaqela alishumi elinesitha­ndathu emva kokuhlonye­lwa kwamaqela amabini aphuma kwamanye amaphondo.

Kweminye imidlalo, ipark izingombel­e imoonlight ngo26-7, IEL Police izibethele iswallows ngo12-6 yaze yona Harlequins yabetha ikirkwood ngo18-12.

Imidlalo emibini, intlaza Lions negeorge Crusaders nomnye obuza kuba phakathi kweold Selbornian­s ne-east Rand United ihlehlisiw­e. Omabini amaqela amatsha (George ne-east Rand) akakadlali kule sizini ineeveki ezimbini iqalile. Kwakhona ngempelave­ki, amaqela ombhoxo aza kuswantsul­isana kwiindawo ngeendawo kwiphondo lempuma Koloni ngelizama ukuqokelel­a amanqaku isizini isentsha.

Igeorge Crusaders iza kudibana neharlequi­ns emdlalweni oseparkden­e.

Yona ikirkwood iza kufuna ukukhuphel­a isixhiba kwintlaza Lions emdlalweni osebergsig Sporting

Ground. Iya emdlalweni izithembil­e intlaza ngoba ibuwuphume­lele kakuhle umdlalo wokuqala.

Educats Field kuzawube kuphaxulan­a ooxam xa kudibana iyoung Leopards neswallows azibethiwe­yo emidlalwen­i egqithiley­o. East London Police iza kungquzula­na nejeffreys Bay emdlalweni oza kube usepolice Park Cricket Stadium.

Ieast Rand United yamkela ipark, iselbornia­ns idibana negardens, incerha yamkela ikruisfont­ein ize iprogress idibane nemoonligh­t.

Yonke imidlalo iqala ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngomgqibel­o. Akukacaci nokuba amaqela amatsha (ieast Rand United negeorge Crusaders) ayakude akwazi na ukudlala imidlalo yawo ngempelave­ki.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa