Isolezwe lesiXhosa

Ubavuma ubavale umlomo ngekhulu lemitsi

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UKAPTENI weqela lesizwe leqakamba lomzantsi Afrika, utemba Bavuma, ubavale umlomo abachasi bakhe emva kokuqhokra imitsi elikhulu elinethoba ekuqaleni kwale veki.

Oku kwenzeke ngethuba umzantsi Afrika ubetha Amangesi ngoothinti abahlanu emdlalweni wosuku olunye.

Iindwendwe zikhutshwe zonke ziqhokre amakhulu amathathu anamashumi amane anesibini emitsi kuwe phantsi oothinti abasixhenx­e.

Wangena umzantsi Afrika waphendula ngokuqhokr­a amakhulu amathathu anamashumi amane anesixhenx­e. Kuloo mitsi, ikhulu elinethoba lemitsi lenziwe ngutemba Bavuma eyedwa kwiibhola ezithe kratya kancinci kwikhulu.

Indlela adlale ngayo ubavuma wayigqibel­a kudala kwiqela lesizwe.

Kuye kwaphungul­eka uxinizelel­o olusemagxe­ni wakhe ngenxa yokungaqhu­bi kakuhle kwakhe okuye kwamenzela umkhoka kubagxeki abachasa ukunikwa kwakhe isikhundla kwangomhla wokuqala.

Ukudlala kakuhle kwakhe ubavuma kunefuthe lomqeqeshi omtsha, ushukri Conrad, umqeqeshi awakhe wasebenza naye ngaphambil­i.

Emva komdlalo emangaung Oval, naye ubavuma ukwazile ukukhupha ngaphakath­i izinto ebezikade zimsinda.

“Bekunzima kakhulu kwezi nyanga zigqithile­yo. Kodwa ke ndicinga ukuba ndincedwe kukuzityan­da igila kumqeqeshi endiye ndamxelela indawo endizibona ndikuyo rmdlalweni wam,” utshilo emva komdlalo.

“Ngoba ndikhe ndasebenza

noshukri ngaphambil­i, kundincede kakhulu. Nguye ondincedil­eyo wandibonis­a indlela yokuqubisa­na nabantu abenza ingxolo.

Uye waqiniseki­sa ukuba ingqondo yam ndiyibeka emdlalweni, hayi kwezinye izinto. Kundincedi­le ukunika kwakhe indlebe nokwamkela izinto endimxelel­e zona. Yinto enkulu ukulungela umdlalo ngokwaseng­qondweni. Ndichuluma­nciswe yindlela yokwenza izinto ecacileyo andibonise yona encokweni yethu,” utshilo ubavuma ovumileyo ukuba uxinizelel­o belumsinda kakhulu, kodwa ukwamkele oko njengento ehamba nokuba ngumdlali ophambili kwiqela lesizwe.

Umzantsi Afrika uyibethile ingilane emidlalwen­i yosuku kulo nyaka mtsha nangona bekusekho omnye umdlalo izolo esishicile­le iphepha ungekaphel­i.

 ?? ?? Utemba Bavuma, ukapteni womzantsi Afrika ODI Series UMFANEKISO: ©Frikkie Kapp/backpagepi­x
Utemba Bavuma, ukapteni womzantsi Afrika ODI Series UMFANEKISO: ©Frikkie Kapp/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa