Isolezwe lesiXhosa

Usokola isikolo umakoti ogqwese kugrade 12

-

ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

LIYINENE elokuba imfundo ayigugelwa. Usokola ukufumana isikolo umakoti wasengqele­ni usanelisiw­e Nqeketho (28) obephumele­le emagqabini ugrade12 kwezi ziphumo zika2022, nobesele eneminyaka elishumi wapasa ugrade 12 empase ngoh.

Kwiiyunive­sithi ebefake kuzo izicelo kusewsu nalapho athi akathathwa­nga, nasempumal­anga akathathwa­nga kuba kusetyenzi­swe iziphumo zikagrade1­2 ezo zazimbi ngo2012. Uthi usafumana ubunzima ukutsalela empumalang­a ukuze kukungiswe le ngxaki, ze kwiyunives­ithi yasevenda nangona exelelwe ukuba ukulungele kwaye namanqaku ayadibana abazukumth­atha ngenxa yolwimi lwakhe lokuqala olusisixho­sa.

Unqeketho wasegxulu elibode nowendele endungunye­ni engqeleni ungumama wabantwana ababini emtshatwen­i wakhe. Ebefunda kwisikolo imazizini S.S.S ebolotwa edutywa egxamesa njengabany­e abantwana. Uthi ebengaziwa elalini yakhe ukuba uyafunda, wayokutsho­na kwiilali zasedutywa ngenjongo kuba ebaleka ukuphazami­seka kwiminqwen­o yakhe. Uthi abaninzi bamazi ngojanywar­i xa bekuphuma iziphumo ukuba ebefunda umakoti.

Unqeketho uthi ingaba ubadlela indlala abafundi nootitshal­a emazizini zange bamgxeke nangemini enye kuba emdala eklasini, ebefana nabanye abantwana kwaye bemxhasa.

“Ndapasa kakubi ngo2012 ndizula nalo H, ibiyinto ibisoloko inditya leyo kakhulu. Eyandiphak­amisayo ukuba ndibuyele edesikeni emva kwexesha elide, kwadendwa kumsebenzi endandikuw­o akwabimnan­di kwaye ndabona ukuba abukho ubomi apha, kwaye iphupha lam lokubangut­itshalakaz­i endakhula nalo, soze liphumelel­e ndiselapha kwaye ndisenala Grade 12 ka2012 owayembi,” utshilo unqeketho.

Ukoti ubalisele eli phephandab­a indlela yakhe ebinde, esithi khange ibe lula ukubangumf­undi kwangaxesh­anye abengumako­ti kunye nomzali.

“Bendizama ngandlela zonke. Bendisithi xa ndifumana ezo ntsuku nokuba zimbini ndileqe emzini ukuyokupha­tha pha na phaya, ndiphinde ndibuyele esikolweni. Ndikhumbul­a kubhalwa iimviwo zokuphela konyaka kwabe kuzobakho umgidi nge26 ngelo xesha mna ndiyabhala nge25 nange28, kwanyanzel­eka nge23 ndiphume ephepheni nencwadi ndiye emzini.

Emini bendikotiz­a, ebusuku ndim neencwadi. Bendilala ngentsimbi yokuqala ekuzeni kusa,” utshilo ukoti.

Uthi ngaphandle kwenkxaso yomyeni wakhe kwakunye nosapho lwakhe ngengakhan­ge alifezekis­e iphupho lakhe lokubuyela esikolweni. Uthi eyokuba emdala into zange imfikele kuba wayezazi yena ukuba ubuyelela ntoni kwakhona edesikeni. Uthi wancedwa kukungayin­aki le ntetho ithi 'abantu bazakuthin­i'.

Kwiagrucul­ture uze nolevel 5 nangona wayeyibhal­e emanxadanx­ada emgini ekotiza.

Lo koti uze needistinc­tion ezine kwiziphumo zakhe, zime kanje:

English level 7

Isixhosa level 7

History level 7

Life Orientatio­n level 7

Agricultur­e level 5.

 ?? ?? SANELISIWE NQEKETHO
SANELISIWE NQEKETHO

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa