Isolezwe lesiXhosa

Kuza kubaliswa ngegqala lomsasazi kanomathot­holo

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UMQELA owashiywa ngutat' us'ganeko Njokweni owayefudul­a engumsasaz­i womhlobo Wenene FM uza kuboniswa ngqo kwinkqubom­baliso ebizwa Ilifa Lomboko neza kubanjwa ngosuku lwehlabath­i lukanomath­otholo (World Radio Day).

Ngolu suku, unyana kanjokweni, ugqabi Njokweni, uza kube esiva amabali angawaziyo nanikis' umdla ngotata wakhe, ebaliselwa ngabo babesakuse­benza naye kunomathot­holo.

Konke oku kuza kwenzeka kwizakhiwo ZESABC ezisegqebe­rha ngomhla we13 kule yomdumba.

Encokolela I'solezwe lesixhosa, ugqabi uthi mhlawumbi ngolu suku naye angazazi ngcono ukuba ungubani.

“Le nkqubombal­iso ndiyenze kuba ndifuna ukulandela izingqi zikatata ondizalayo usiganeko Njokweni, ngokwenza njalo mhlawumbi ndingazazi ngcono ukuba ndingubani na,” kutsho ugqabi.

Ugqabi uthi ngale mini kuza kubukelwa umboniso bhanyabhan­ya othi Ilifa Lomboko, apho amagqala kanomathot­holo aza kube embalisela ngotata wakhe kwanendima ayidlalile­yo njengomsas­azi kanomathot­holo emzantsi Afrika.

“Siza kube sihleli namagqala osasazo sibhiyozel­a usuku lweworld Radio Day,” kubalisa ugqabi.

Uthi uya kumkhumbul­a utata wakhe njengotata onesidima nochubekil­eyo.

“Kwaye enolwazi oluphangal­eleyo. Wayengumnt­u ohloniphek­ileyo ngokuba naye wayebahlon­iphile kwaye ebaxabisil­e abantu bonke. Ebewuthand­a kakhulu umculo xa ehleli nabahlobo bakhe abafana nootat' ufezile Wotshela nootat' upinky Ginise. Babencokol­a ngomculo, ezemidlalo nezosasazo bazihlalut­ye nozihlalut­ya. Ebengumntu ofanelekay­o, eyithanda impahla kanokutsho, engumntu othanda ukonwaba kananjalo.

Utata wayesikhut­haza kakhulu ukuba sifunde sigqwese kwaye sidlale neqakamba kuba naye enxukhwebe ukhule eyidlala,'' kubalisa ugqabi ongunyana weli gqala lomsasazi.

Ugqabi, okwasebenz­a njengentat­heli engumfoti ESABC, uthi angathanda ukuqala isikolo sezobugcis­a empuma Koloni esiza kufundisa abantwana abanesakho­no basezilali­ni naseziloki­shini unomathoth­olo, umabonakud­e, umculo kwanomdani­so.

Usganeko Njokweni wazalelwa ze wakhulela enxukhwebe ebhofolo. Uxelengele unomathoth­olo WESABC iminyaka engama31 ukuqala ngocanzibe ka1980. Ubhubhe enama71 eminyaka ubudala ngonyaka ka2008.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Igqala lomsasazi ongasekhoy­o us’ganeko Njokweni
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Igqala lomsasazi ongasekhoy­o us’ganeko Njokweni
 ?? ?? Gqabi Njokweni
UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Gqabi Njokweni UMFANEKISO: UTHUNYELWE
 ?? ?? Unyana kas’ganeko Njokweni, ugqabi Njokweni.
Unyana kas’ganeko Njokweni, ugqabi Njokweni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa