Ilinge lokuphelisa imipu ebulala impuma Koloni
ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA
INANI eliphezulu lemipu engekho semthethweni nejikeleza ezandleni zezaphulimthetho, yenye yezinto ezinegalelo kwiziganeko ezithe gqolo ukwenzeka zokubulawa koluntu empuma Koloni, oku kudizwe ngumphathiswa wezothutho kwakunye nokhuseleko loluntu uxolile Nqatha.
Unqatha umemelela intsebenziswano nabo bonke abasemagunyeni ekuqinisekiseni ukuba kuyapheliswa ukungena kwemipu empuma Koloni, kwaye naleyo ikwizikrelemnqa iyathathwa.
Uthi kwakufuneka urhulumente afune isisombululo esikhawulezileyo malunga nokucuthwa kokuthengwa kwemipu kuba yiyo ebulala abantu.
Iintetha zikanqatha zishukunyiswe ziziganeko zakutsha nje zokudutyulwa koluntu ngokungenalusini kwimpuma Koloni iphela. Esakutsha nje isiganeko sesokudutyulwa kwabantu abasibhozo egqeberha ngethuba bezonwabele kwitheko, ukudutyulwa kwesinye isixhenxe sabantu equnu emthatha, abathathu bosapho olunye kutantseka ebityi, bedutyulwa ngemipu ngabantu abangaziwayo.
Kwinyanga ephelileyo esulenkama kuqumbu kudutyulwe amalungu amane osapho ezihlelele kurontawuli.
Kunyaka ophelileyo zibe liqela iziganeko zokudutyulwa koluntu kutantseka ebityi kwakunye nasengcobo.
“Asinakukhanyela okokuba ezi ziganeko zokubulawa koluntu kusetyenziswa imipu engenazimpepha nengekho semthethweni. Kwaye luxanduva lwethu ukuba thina rhulumente sisebenzisane nabantu bethu ekuhlaleni, sisebenzisane noluntu ukuze nalo lukhuseleke,” utshilo unqatha.
Isithethi seli sebe uunathi Binqose uthi isebe liyazibophelela ekusebenzisaneni nabasemagunyeni kupheliswe nya imipu kwaye kuthathwe naleyo sele isezandleni zezikrelemnqa.