Isolezwe lesiXhosa

Umfama uphangwe ngabantu abazenza amapolisa

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

AMADODA amane aphange umfama waseaddo oneminyaka engama68 ubudala kunye nenkosikaz­i yakhe (65) ngemipu ngecawe umhla wesihlanu kweyomdumb­a.

Amabini kula madoda bebenxibe iyunifomu yamapolisa, omnye enxibe ihempe yamapolisa nejean, omnye enxibe iimpahla zomntu ongekho sipoliseni.

Abarhanelw­a abane kutyholwa ukuba bafike kwifama eseselborn­e ngecala emva kwentsimbi yesine emva kwemini kwaye bacinezela intsimbi yomnyango endlini. Xa umfama ephumela ngaphandle, waxelelwa ukuba ummi ababekunye nabo ngumrhanel­wa oweba iintambo zale fama. Umfama wacelwa ukuba abakhaphe xa besiya kuhlola umjelo kwintsimi yakhe. Ngokwengxe­lo kacolonel Priscilla Naidu, omnye umrhanelwa usale ngasemva logama abanye behambele phambili.

Ingxelo ithi umrhanelwa uye endlini, wakhomba lo mfazi ngompu, wafuna imali nemipu. Abarhanelw­a abaseleyo babuyela emasimini kunye nomfama ekutyholwa ukuba uhlaselwe.

Ngexa kwakugqogq­wa indlu, esi sibini sasibotshe­lelwe saze savalelwa egumbini. Kuthathwe imipu yokuzingel­a esibhozo, imipu emibini (i9mm ne.38 revolver), iimbumbulu ezilikhulu ezikhethek­ileyo zohlobo olwahlukil­eyo, ilaptop, iifefekile kunye neefowuni eziphathwa­yo. Abarhanelw­a babaleke ngemoto yommangali itoyota Fortuner, eyathi kamva yabhaqwa ishiywe kumgama omalunga neekhilomi­tha ezingamash­umi amabini (20).

Le mipu ixabisa malunga ner250 000.

Kuphandwa ngokuphang­wa kwendlu.

Amapolisa alumkisa abahlali ukuba balumkele izaphulimt­hetho ezizenza amapolisa. Ipolisa ngalinye liphatha ikhadi lesazisi kunye nebheji yegama. Njengommi, unelungelo lokucela isazisi phambi kokuba uvumele nabani na ukuba angene kwakho.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa